Ubomi kwindawo yokugcina izilo
Henny Mthombeni
Magriet Brink
Kwakungentseni kwindawo ekugcinwa kuyo izilo, wayezonwabise ngokuphunga iti umgcini wezilo onguHenny.
-
Kwindawo yokugcina amathole ezilo afuna inyameko ekhethekileyo, ngabagcini abaqeqeshiweyo abawanonelelayo. Umlondolozi onguHenny wayelinde ukufika kukagqirha wezilo.
1
UGqirha Nosiso ngumxilongi wezilo zasendle. Waya kulo mzi eyokuhlola amathole amathathu aziingwenkala ezisandula ukuzalwa.
-
Akuba exilongiwe loo mathole aziingwenkala, umgcini Henny kunye noAnn baqalisa ukuwapha ukutya.
2
Ngeli xesha kwakujikeleza inqwelontaka yomzi lowo wokugcina izilo, abaqhubi bayo baphawula ukuba kukho ithole lendlovu elalithe tywa phantsi, lalingekho zingqondweni.
-
Abaqhubi benqwelontaka bakhwelisa uGqirha Nosiso noHenny. Babhabha nabo baya apho kwakulele elo thole lendlovu.
3
“Le ndlovana kufuneka isiwe kwisibhedlele sezilwanyana ngoku!” watsho uGqirha Nosiso.
-
Abagcini balilalisa kwinqwanqwa eli thole lendlovu. Lasiwa esibhedlele.
4
Lakuphuma engozini elo thole lendlovu, labuyiselwa apho kwakugcinwa izilo ezingamathole.
-
“Unokuba uhleli iintsuku ezininzi ungaseli nto,” watsho umgcini onguHenny esebezela elo thole lendlovu ngexa wayelityisa.
5
Ekuhambeni kweeveki laya likhula ithole kunjalo lisomelela. Laguquka laba yindlovu egezayo eyayithanda ukuhlupha abagcini bezilo.
-
UHenny ngoyena mgcini wezilo lalimthanda kakhulu!
6
Ngobunye ubusuku kwaziswa ngesigadla ithole lendlulamthi kulo mzi wokugcina izilo zasendle.
-
Bonke abagcini kwafuneka bancedisane ekushenxiseni elo thole lendlulamthi lalibuthathaka lisiwe kugcino lwalawo afuna inyameko.
7
UGqirha Nosiso nguye owamisela amayeza afanele le ndlulamthi.
-
Eli thole lalisizelwa ngumntu wonke ngoba kwakunzima nokuma ngemilenze yalo.
8
Ekuhambeni kweenyanga ithole lendlulamthi laya lisomelela kunjalo lisiba lide.
-
Umgcini onguHenny waqalisa ukusebenzisa ileli xa elityisa elo thole lalikhula.
9
Kwamsinyane ezo zilo zisempilweni, ziza kubuyela kumhlaba ophangaleleyo wendawo yokugcina izilo. Phofu okwangoku zisonwabele ukudlala zodwa apho kugcinwa ezo zifuna inyameko.
-
Zibalulekile izilo, bakwanjalo nokubaluleka abantu abazigcinayo.
10
Your attribution should include the following:
Title: Ubomi kwindawo yokugcina izilo
Author/s: Henny Mthombeni
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Magriet Brink
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator