Udadewethu omkhulu uyagula
Lerato Tsotetsi
Omphemetse Patient Ramatlhatse
Igama likadadewethu nguResego.
-
Undishiya ngeminyaka emibini.
-
Ungusisi wam.
1
UResego uyandincedisa ekunxibeni iimpahla zesikolo xa ndisiya esikolweni kusasa.
2
Uyandikhapha xa ndisiya esikolweni yonke imihla.
-
Kodwa namhlanje uResego akaphilanga.
3
Usisi wam uyagula.
-
Owu! Ndiza kwenza njani?
-
Andonwabanga tu!
4
Endleleni eya esikolweni ndadibana noTumi.
-
Sahamba kunye.
-
Loo nto yandenza ndaziva ndihlaziyekile.
5
Esikolweni utitshala wandiculela ingoma.
-
Loo nto yandenza ndaziva ndichulumancile.
6
Ngexesha lokudlala uBoipelo wadlala nam.
-
Loo nto yandenza ndachulumanca ngakumbi.
7
Ekupheleni kwemini ndandiyeyona ntombi ichulumancileyo esikolweni.
-
Ingathi andisafiki ekhaya ndizokubalisela udadewethu!
8
Your attribution should include the following:
Title: Udadewethu omkhulu uyagula
Author/s: Lerato Tsotetsi
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Omphemetse Patient Ramatlhatse
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator