Ubusi
Martha Kekana Mathamela
Tammi Mbambo
UKopano noLereko babesitya amaqebengwana ababewabhakelwe ngumama wabo.
-
Loo maqebengwana ayevuza ubusi.
1
ULereko wabuza kumama wakhe, “Buvela phi ubusi, Mama?”
-
“Mntanam, ubusi benziwa ziinyosi,” watsho umama wakhe.
2
“Iinyosi zenza ubusi ngeentyatyambo. Ziqokelela incindi kwanomungu kwiintyatyambo,” wachaza watsho umama.
-
“Iinyosi zisasaza umungu kwezinye iintyatyambo.”
3
“Loo nto ibizwa ngokuba luvuvuzelo –ukunceda izityalo ukuba zivelise kwakhona ngokusasaza umungu. Umungu wenza inxalenye yembewu.”
4
“Iinyosi zihambisa umungu phakathi kwezityalo. Zivuvuzela izilimo zethu,” watsho umama.
-
“Sikwafumana nemveliso eluncedo ezinyosini.”
5
“Kunjalo! Sifumana ubusi kwinyosi,” watsho uKopano.
-
ULereko wongeza ngelithi, “Ubusi bunencasa eswiti bumnandi!”
6
“Ubusi buyasetyenziswa nasemayezeni,” watsho umama.
-
“Ezinye iipilisi nemigubo ezikumayeza emveli zenziwe ngobusi.”
7
“Ubusi bupholisa imiqala ebuhlungu, ukhohlokhohlo kwanengqele.
8
“Ubusi bukwaphilisa amanxeba nezilonda zokutsha.”
9
“Ubusi abubalungelanga abantwana abancinci noxa kunjalo.
-
Bungabagulisa kakhulu,” wabalumkisa ngelitshoyo umama.
10
“Benimamele? Kutheni iinyosi zibalulekile nje?” wabuza umama.
-
Zivuvuzela izityalo!” watsho uLereko.
-
“Zenza nobusi!” watsho uKopano.
11
Ukususela ngaloo mini uKopano noLereko bayazihlonipha iinyosi.
12
Your attribution should include the following:
Title: Ubusi
Author/s: Martha Kekana Mathamela
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Tammi Mbambo
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator