UBrenda Fassie, iKumkanikazi yePop yaseAfrika
Sara Mohale
Khanyisa Masemola


Ngomhla wesi-3 ngoNovemba, 1964, eKapa elokishini kwaLanga, kwazalwa imvumi esemagqabini. Igama layo yayinguBrenda Nokuzola Fassie.
-
Amawakawaka angabantu abamthandayo ayemteketisa ngokuthi ‘MaBrrr’.
-
Abantu bakokwabo babetsala nzima. Umsebenzi kamama wakheyayikukucoca, utata wakhe wabhubha xa yena wayeneminyaka emibini.
1
Bengabantwana abasithoba kokwabo, uBrenda wayeligqibelo.
-
Umama wakhe wayecinga ukuba uza kufumana usana oluyinkwenkwe. Kwakuzalwa uBrenda, umama wakhe kwafuneka acinge msinyane ngegama lentombi.
-
Njengoko nomama kaBrenda wayeyimvumi, wagqiba ekubeni usana lwakhe makalunike igama lemvumi yaseMerika ekwakusithiwa nguBrenda Lee.
2
Eneminyaka emine uBrenda wayenegalelo esebenza kumatheko ecawa. Umama wakhe wayekhalisa ipiyano aze uBrenda acule.
-
Eneminyaka emithandathu uBrenda wayelilungu leqela leemvumi elalinegama elithi ‘Tiny Tots’, lalicula kwaye libhatalwa ngabakhenkethi.
3
Esemtsha uBrenda, iimvumi zaseKapa zaqalisa ukuthetha kakhulu ngaye.
-
Umvelisi weengoma eziculwayo onguKoloi Lebona wandwendwela uBrenda. Ilizwi lale ntombi elaliqolile lamenza wanomdla kuyo.
-
Emva koko uBrenda wafudukela eRhawutini, kwamsinyane waseka iqela elabizwa ngokuba liyi-‘Brenda and the Big Dudes’.
4
Eli qela lakhupha elona cwecwe lalithengiseka msinyane eMzantsi Afrika kusithiwa yi- ‘Weekend Special’.
-
Abathandi bomculo ehlabathini lonke, abantsundu nabamhlophe, ulutsha nabantu abadala, babonakala bethe phithi yile ngoma.
-
Abantu abaninzi bonwatywiswa yile ngoma, ingakumbi ukususela ngoLwesihlanu kude kube ngeCawa
5
Ngo1998 uBrenda wayesebenzisana nengcali yomculo enguChicco Twala. Bavelisa imfumba yeerekhodi ezazithengisa amawakawaka eekopi, kwaye zaziguqulelwa kwiPlathinam.
-
Ezinye zezona ngoma zazithengiswa kakhulu yayizezi: ‘Too late for Mama,’ ‘Memeza’, nenye ethi ‘Nomakanjani’. Le mpumelelo yalandelwa ngamabhaso omculo eMzantsi Afrika nakumazwe ngamazwe. Ngelo xesha uMa Brr wayedume ehlabathini lonke!
6
EMzantsi Afrika uBrenda wayedume kangangokuba wawungenakubakho umbhiyozo ongenayo ubuncinane enye kwiingoma zakhe.
-
Leyo ithi ‘Vul’indlela’ yeyona yayibalasele emitshatweni.
-
Leyo ithi ‘Ag shame lovey’ yayithandwa gqitha ngabantwana ababedla ngokubonwa belinganisa iintshukumo zomdaniso wakhe neempawu zobuso bakhe!
7
Abathandi beengoma zikaBrenda babekhwaza igama lakhe ezikonsathini qho xa belindele ukuvela kwakhe eqongeni.
-
Abathandi bomculo wakhe babecula bade balile qho xa ecula eqongeni. Ukuliva ilizwi likaBrenda kwakubangela ukuba abathandi beengoma zakhe batyhudisele phambili benqwenela nokude bamphathe ngezandla
8
Ngo1990 uMaBrrr wawonga uNelson Mandela ngengoma eyayihlasimlisa ethi ‘Black President’.
-
Ngelo xesha wayeseseluvalelweni entolongweni uNelson Mandela, ingoma leyo yavalwa ukuba mayingaculwa ngurhulumente wengcinezelo.
-
Oku kwabangela ukuba uBrenda agqibe ngokuba ayicule ngesiZulu, ngesiXhosa nangesiSuthu kuphela. Ngenxa yelo galelo, uBrenda wathandwa kakhulu ngabantu.
9
Nangona uBrenda wazifezekisayo iinjongo zakhe zokuba yimvumi yepop, wabhubha engekabi mdala, wayeneminyala engama39 ukusweleka kwakhe ngomhla wesi9 ngoMeyi 2004.
-
Yaba yimini yosizi leyo eMzantsi Afrika. Ezi ndaba zokusweleka kwakhe zabothusa abantu. Abaninzi bazila ngokulahlekelwa kwabo yiloo mvumi yayithandwa. Washiya ngasemva unyana wakhe onguBongani.
10
Akuba eswelekile imfumba yezihlwele yagxalathelana ngokuya kuthenga umculo wakhe.
-
Izihlwele zaba nenkolelo yokuba ezo rekhodi zomculo wakhe azinakuphinda zifumaneke.
-
Kukho inkolelo yokuba inkampani yomculo yathengisa amawakawaka eekopi zeealbham zakhe.
11
EJohannesburg, eNewtown kukho umfanekiso oqingqiweyo kaBrenda owenziwe ngobhedu. Injongo yokuwuqingqa kukuwonga yena.
-
Ecaleni kwalo mfanekiso uqingqiweyo kukho isitulo emakuhlale kuso abantu, injongo yeyokuba mabachithe ixesha behleli neKumkanikazi yePop yaseAfrika.
12
UBrenda wayeyimvumi ebalaseleyo engenakulibaleka.
-
EMzantsi Afrika ungomnye wabaziincutshe zomculo iPop kwaye zininzi iimvumi awaziphembelelayo.
-
Ngeli ixesha sikulo izizukulwana ziyazibhaqa iingoma ezenza wonke umntu afune ukudanisa.
13

Imibuzo


  1. Wazalelwa phi uBrenda?
  2. Ucinga ukuba kwakutheni ukuze elo qela kuthiwe zi-‘Tiny Tots’?
  3. Umculo kaBrenda wenza ukuba bazive njani abathandi bomculo? Yixhase ngokuyixhasa impendulo yakho.
  4. Ungasichazela uthini ngorhulumente wengcinezelo? Khangelani ezinye iinkcukacha.
  5. Zoba uze ulebhelishe eyona nxalenye uyithandayo yeli bali.
14


Le ncwadi yamabali yenziwa yaza yabhalwa ngeSepedi njengenxalenye eyiprojekhthi yokufundwayo ye-Zenex Ulwazi Lwethu ngo2021.
15
16
Your attribution should include the following:
Title: UBrenda Fassie, iKumkanikazi yePop yaseAfrika
Author/s: Sara Mohale
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator