Ubugqi bukaSimangaliso
Sponono Mahlangu
Khanyisa Masemola
Endaweni ekwelinye icala lomlambo iLimpopo, kuhlala uSimangaliso.
-
Kukholelwa ukuba uSimangaliso unamandla akhethekileyo.
-
Wonke umntu edolophini esihlala kuyo uthetha ngaye.
1
USimangaliso unelizwi elivakala kamnandi nelithomalalisayo. Uhlala ehlathini apho aculela khona iintaka nezilwanyana.
-
Ucula ekupheleni kwemini nganye. Abantu basuka kude bezokumamela eli lizwi lakhe limyoli.
2
USimangaliso uneenwele ezinde ekungekho namnye owakha wazibona. Uyazitshintsha iinwele zakhe kangangoko efuna. Angazenza zinyamalale, aphinde azenze zibonakale.
-
Qho xa aculayo, iinwele ziyawa zigqume ubuso bakhe.
3
USimangaliso uhambahamba kwelo hlathi yonke imihla.
-
Unakho ukuyiva nokuyinukisa ingozi.
-
Uyakwazi ukuxela ukuba ubani uza kuye ngeenjongo zenkohlakalo.
4
Ngenye imini uSimangaliso waba nezigqibo zokuba ufuna ukwazi ukuba ubomi bunjani na ngaphaya komlambo omkhulu.
-
Wagqiba ekubeni makathathe uhambo.
-
Xa afikayo emlanjeni omkhulu, wamangaliswa, “Ndizakuwela njani?”
5
USimangaliso wacinga okomzuzu waza wakhwaza, “Amandla! Amandla!”
-
Kwangoko, kwavela ibhulorho.
-
Wawela waya kwelaa cala lomlambo, waqhubeka nohambo lwakhe. Waya kude lee esuka kwelaa hlathi alaziyo.
6
USimangaliso waziva ediniwe. “Ndifuna ukuphumla endaweni ethile,” wacinga.
-
Wakhwaza, “Amandla! Amandla!”
-
Kwangoko, kwavela ingca kuyo yonke loo ndawo. USimangaliso wahlala phantsi engceni entle apho kupholileyo.
7
USimangaliso waziva elambile. “Ndikude nehlathi. Ndizakukufumana njani ukutya?” Wayemangalisiwe.
-
Wakhotha imilebe yakhe waza wakhwaza, “Amandla! Amandla!”
-
Kwangoko, iimbiza ezingenanto, izitya neekomityi zavela.
8
Ukutya akuthandayo uSimangaliso, kwakunye nesiselo, kwawela ezimbizeni, ezityeni nasezikomityini ezazingenanto.
-
Watya, wasela kangangoko wayefuna.
-
Ngesiquphe weva intshukumo.
9
USimangaliso wabuva ubukho bam nangaphambi kokuba ndisondele kuye.
-
Wabuza, “Ngubani lowo?” ndathi ngelizwi elincinci, “Ndim. Igama lam nguBuumi.”
-
USimangaliso wayesazi ukuba ndineenjongo ezintle.
10
“Ndilahlekile,” ndatsho ngelizwi elincinci.
-
“Yiza uzokutya, usele nam,” wandimema uSimangaliso. Ndatya, ndasela kangangoko ndandifuna.
-
Ndamxelela uSimangaliso ukuba ndilahleke njani emva kokulandela umntakwethu omdala.
11
USimangaliso wandixelela ngohambo lwakhe lokufuna ukuqonda ukuba ubomi bunjani na ngaphesheya komlambo.
-
Emva koko wancuma waza wakhwaza, “Amandla! Amandla!”
-
Yaba yindlela endafika ngayo phambi kwendlu yabazali bam.
12
Your attribution should include the following:
Title: Ubugqi bukaSimangaliso
Author/s: Sponono Mahlangu
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator