UMmantsae Moche Diale namandla elanga
Thembekile Malibe
Omphemetse Patient Ramatlhatse


Le ncwadi ingoMmantsae Moche Diale, oyinzululwazi eMzantsi Afrika.
-
Mmantsae uyinzululwazi efunda ngamandla elanga, neendlela abanokuwasebenzisa ngazo abantu.
1
“Bafundi, ndifuna ukunixelela ngeSazinzulu esibalulekileyo saseMzantsi Afrika,” watsho utitshala uMpilo.
-
“Lo mntu waqala ubomi bakhe kwilali encinci eseLimpopo, waza waba sisazinzulu seFiziksi esiphume izandla.”
-
Wongeza ngelitshoyo uTitshala.
-
“IFiziksi luhlobo lwenzululwazi olungenkqunto namandla ombane.”
2
UTitshala waqhubeka, “Iqhawekazi lethu namhlanje nguMmantsae Moche Diale.”
-
“Wazalelwa kwilali iGa-Masemola eLimpopo. Wafunda eSekobetlane Maphutha.”
-
“Kwakukho iipali ezinde zombane ezazigqitha kwilali awayehlala kuyo. Kodwa ilali yakhe yayingenawo umbane.”
3
“Esakhula wayenomdla wokwazi indlela ekufunyanwa ngayo umbane.
-
Wayekholelwa ekubeni wonke umntu kufanele abe nawo umbane ofezekisa iimfuno zakhe.”
-
UTitshala wanqumama ngebali lakhe, waza wabuza, “Ningandixelela imvelaphi yamandla ombane?”
4
“Amalahle sisixhobo esibalulekileyo. Sitshisa amalahle ukuze senze umbane,” watsho uNhlavu.
-
“Ewe, kodwa umhlaba uyaphelelwa ngamalahle neminye imithombo yombane engahlaziyekiyo,” waphendula utitshala.
-
“Ilanga nomoya ngamandla ahlaziyekayo,” wongezelela uSiphe, waza notitshala wanqwala.
5
UTitshala waqhubekeka nebali lakhe, “UMmantsae owayeselula wayesazi ukuba ufuna ukufumana indlela yokuba wonke umntu afumane umbane onexabiso eliphantsi nococekileyo, kwezi zixhobo zombane zihlaziyekayo.”
-
“Wafunda iMathematika neNzululwazi yezeNdalo esikolweni, kwaye wayeyithanda iFiziksi. Wayezazi ukuba ufuna ukufunda iFiziksi eYunivesithi,” watsho utitshala.
6
Abantu babeqhele ukumbuza uMmantsaye, “Ucinga ukuba uza kwenza ntoni ngeFiziksi? Ungawufumana umsebenzi? Babengamkhuthazi tu.”
-
“Wafumana isidanga seNzululwazi kwanesokuFundisa, ukuze abe nguTitshalakazi ofundisa ezeNzululwazi. Kwaye ekwanomdla wokufunda ngemithombo yombane ehlaziyekayo,” watsho utitshala.
7
USiphe wabuza, “Yayingoobani izibonelo zikaMmantsae ngoko?”
-
“Owu, babembalwa kakhulu abasetyhini ababesebenza kwicandelo leFiziksi, ingakumbi abasetyhini abamnyama,” waphendula utitshala.
-
“UMmantsae wayesebenza neezazinzulu ezingamadoda. Zazingekho izibonelo ezingabafazi ngelo xesha.”
8
“Emva kweminyaka emininzi yokufunda, uMmantsae waba nguNjingalwazi wezeNzululwazi. Ngoku ufundisa kwaye wenza uphando lwakhe eYunivesithi,” utitshala uMpilo watsho exelela abafundi.
-
“Usisibonelo kulutsha olungabafazi kwezeNzululwazi, ingakumbi iFiziksi.”
-
“Wenza uphando olubalulekileyo,” watsho utitshala.
9
UTitshala wachaza, “Uphando lwakhe lungokufumanisa iindlela zokubamba amandla elanga ngezixa ezikhulu.”
-
“Amandla elanga agciniweyo angasetyenziselwa ukubonelela ngombane abantu abahlala ezilalini.”
-
“Umbane welanga unexabiso eliphantsi kwaye uyahlaziyeka.”
10
UTitshala wabuza, “Ningandixelela ukuba sithetha ukuthini xa sithetha ngemithombo ‘ehlaziyekayo nengahlaziyekiyo?”
-
“Umbane ohlaziyekayo ngulowo ungapheliyo, njengelanga,” watsho uNtando.
-
“Umbane ongahlaziyekiyo uyaphela, njengamalahle, awuhlaziyeki,” watsho uVusiwe.
11
UTitshala wagqibezela ngelithi, “UMmantsae ukhokela iqela labaphandi abaphanda ‘umbane oluhlaza ococekileyo’ – ohlaziyekayo.”
-
“Injongo yolu phando kukuvelisa iiseli zelanga ezinokutsala umbane omninzi elangeni, ziwugqithisele ebantwini.”
12
Ngexesha abafundi beqoqosha, uTitshala uMpilo wathi, “Umnqweno kaNjingalwazi Diale kukubona abafazi abaninzi befundela iFiziksi. Ndiyathemba ukuba amantombazana amaninzi alapha aza kufunda ezeNzululwazi neMathematika!”
-
“Namakhwenkwe ngokunjalo!” wancuma utitshala.
13

Imibuzo


  1. Yintoni eyayisenza uMmantsae abe nomdla embaneni?
  2. Yintoni ‘Amandla esola’? Singawasebenzisela ntoni?
  3. UNjingalwazi Diale uloluphi uhlobo lwesazinzulu? Lungantoni uphando lwakhe?
  4. Ziintoni iingxaki awahlangabezana nazo uMmantsae xa wayezama ukufezekisa amaphupha akhe?
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15


Eli bali liqulunqwe laze labhalwa ngesiSwati, njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex Ulwazi Lwethu ka2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: UMmantsae Moche Diale namandla elanga
Author/s: Thembekile Malibe
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Omphemetse Patient Ramatlhatse
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator