Please view the book
in landscape mode.
ULihle noLwandle ekwindla
Sara Mohale
Busisiwe Ndlovu
ULihle noLwandle batyelele kwifama kaMakhulu wabo eVhembe.
-
Olu lutyelelo lwabo lokuqala.
-
Bavuka besiva izandi abangaziqhelanga zingaphandle kwefestile!
1
Ezi ntombi ziyabulisa zisithi, “Molo Makhulu. Yingxolo yantoni le?”
-
UMakhulu uyahleka aze athi, “Molweni! Ngumqhagi lowo, uyasivusa ukuze senze imisebenzi yasefama.”
2
UMakhulu uthi, “Kusemnyama phandle, kodwa ixesha lihambile. Ekwindla ilanga iphuma kade lize litshone kwangoko kunasehlotyeni.”
3
UMakhulu uyaqhubeka esithi, “Ekwindla kuyaqalisa ukubanda kodwa akubandi njengasebusika.”
-
ULwandle uyavuma esithi, “Asikazidingi izinxibo zethu zasebusika.”
4
UMakhulu uthi, “Ekwindla niza kubona izityalo ezininzi zitshintsha umbala zize ziqalise ukoma. Sesiza kugqiba ukuvuna.”
5
“Ekwindla kule fama sivuna iimbotyi, ikhaphetshu, ikholiflawa nespinatshi,” uyacacisa uMakhulu.
-
Uphinda athi, “Ebusuku isidlo sethu sangokuhlwa sizakuba nemifuno ekhiwe apha kule fama.”
6
ULihle uthi, “Endaweni yokusoloko sithenga imifuno, nathi sifuna ukuyityala apha ekhaya, hayi edolophini.”
-
“Licebo elihle elo! Ndiza kunifundisa,” utsho ethembisa uMakhulu.
7
ULwandle ubuza esithi, “Makhulu, uyazityala iziqhamo? Esona ndisithandayo yivatala!”
-
UMakhulu uyahleka esithi, “Sigqiba kuvuna iivatala ezininzi ezinencasa!”
8
“Ekwindla, izilwanyana ezizelwe okanye eziqanduselwe entwasahlobo sezikhulile, ibe ezinye siyazithengisa.
-
Kwizilwanyana zethu sifumana ubisi, amaqanda nenyama,” utsho ngebhongo uMakhulu.
9
UMakhulu uyancuma aze athi, “Siza kutya amaqanda amatsha ekuseni size sisebenze kwigadi yemifuno.”
-
ULihle noLwandle bayakuvuyela ukusebenza egadini noMakhulu!
10
—
—
Imibuzo
Ekwindla, loluphi utshintsho olwenzekayo:
• kwizityalo?
• kumaqondo obushushu?
Ekuphumeni nasekutshoneni kwelanga
• kwizilwanyana?
• kwenzeka ntoni kwifama kaMakhulu ngeli xesha lonyaka?
Kwindawo ohlala kuyo, ixesha lasekwindla liyafana okanye lahlukile kweli likweli bali? Cacisa.
Zeziphi izakhono anokuzifunda la mantombazana kuMakhulu?
11
Your attribution should include the following:
Title
: ULihle noLwandle ekwindla
Author/s
: Sara Mohale
Translator/s
: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s
: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator