ULihle noLwandle entwasahlobo
Tebogo Matshana
Tebogo Matshana
ULihle noLwande baseMntla Koloni, bayokubona umzala wabo uLina.
-
ULina uhamba nabo ayokubabonisa iintyantyambo kwindawo ekuthiwa yiNamaqualand.
1
La mantombazana amangalisekile!
-
“Umhlaba ugqunywe yimibala eqaqambileyo!” utsho uLwandle evuya.
-
ULina uyancuma aze athi, “Xa kuqala intwasahlobo iintyantyambo ezininzi apha ziyadubula.”
2
ULina uqhubeka athi, “Emva kokuba kunethile, naxa amaqondo obushushu aqalayo ukunyuka, kukhula iintyatyambo kuyo yonke indawo.”
-
“Ngexesha nje elifutshane, lo mhlaba womileyo uyaguquka ube ngamasimi eentyatyambo.”
3
Entwasahlobo umama uye atyale imbewu egadini. “Ngubani otyale ezi ntyatyambo apha?” uyabuza uLwandle.
-
ULina uphendula athi, “Ziintyatyambo zasendle ezi, akukho mntu uzityalileyo.”
4
ULina uthi, “ENamaqualand kukho iintlobo ezahlukileyo zezityalo, izilwanyana nezinambuzane.”
-
“Ndicinga ukuba loo nto kuthiwa yi-bhayodayivesithi,” utsho uLihle ekhumbula.
-
“Ibhayo ntoni?” utsho uLwandle ebuza.
5
ULina uphendula athi, “Ewe, ibhayodayivesithi kukuphila ndawonye kwezityalo nezilwanyana. Yintlanganisela yeentlobontlobo zezilwanyana nohlaza, zonke zikhula ndawonye.”
-
ULihle uthi, “Ibhayodayivesithi kwindalo yakha okusingqongileyo okunika impilo.”
6
La mantombazana adlula ngakumalusi neegusha zakhe.
-
“Mheeee!” ziyakhala iigusha.
-
“Mheeee!” amantombazana ayazilinganisa.
-
“Amatakane eegusha amaninzi azalwa entwasahlobo,” oko uyakuqaphela uLihle.
7
ULina uyavuma esithi, “Izilwanyana ezininzi ziyazala okanye ziyaqandusela entwasahlobo.”
-
“Ndiyawathanda amathole ezilwanyana! Iqala nini kanyekanye intwasahlobo?” uLwandle uyabuza.
8
ULina uphendula athi, “Kunzima ukulichana elona xesha lokuqalisa kwamaxesha onyaka.”
-
Uqhubeka athi, “Kodwa iimpawu zokuqala zentwasahlobo siqalisa ukuzibona ngoSeptemba apha.”
9
ULina uthi, “Kuqalisa ukuba shushu kuze kunethe.”
-
“Emva koko, ngexesha nje elifutshane, intlango iyajika ibe sisitiya seentyatyambo zasendle,” utsho uLihle encumile.
10

Imibuzo


  1. ULihle noLwandle baphi? Khangela lendawo kwimaphu.
  2. Eli bali likweliphi ixesha lonyaka?
  3. Kwenzeka ntoni ngeli xesha lonyaka?
  4. Intwasahlobo kwindawo ohlala kuyo iyafana okanye yahlukile kule? Cacisa.
  5. Yintoni izityalo eziyidingayo ukuze zikhule?
  6. Leliphi elona xesha lonyaka ulithandayo? Ulithanda kuba kutheni?
11
Your attribution should include the following:
Title: ULihle noLwandle entwasahlobo
Author/s: Tebogo Matshana
Translator/s: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s: Tebogo Matshana
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator