UKhathaza uyabaleka emke
M.A. Vukeya
Brian Wambi
Wayethandwa kakhulu uKhathaza. Abazali bakhe babemnika nantoni na awayeyifuna.
-
Yayikukuphela kwentombi yabo lo Khathaza, babebathandathu abanakwabo.
-
Wafekethiswa kakhulu ngabazali bakhe uKhathaza.
1
Ngenye imini uKhathaza wafuna ukudlala ibhola ekhatywayo namakhwenkwe.
-
“Ungenzakala ubonanje,” watsho unina emcenga.
-
Abanakwabo bala kwaphela ukudlala ibhola ekhatywayo kunye noKhathaza. Yaqalisa ukulila le ntombi.
2
Emva koko, uKhathaza wazimela wemka kokwabo wangena ehlathini.
-
“Ndiza kubonisa wonke umntu ukuba andilulo usana,” yacinga njalo le ntombi.
-
Wakhwela emthini omde.
3
Abazali bakhe bamkhangela kwelo hlathi bada bamfumana uKhathaza.
-
Bamcenga besithi makehle emthini, noxa kunjalo zange avume.
4
Oobhuti bakhe bazama ukuba makaxole. Bathi kuye, “Khathaza yehla, uza kuzenzakalisa.”
-
Omnye koobhuti bakhe wamdlalela ingoma awayeyithanda, nabanye bangenelela bacula.
5
Waya uthotha ngokuthotha umsindo kuKhathaza.
-
Wafumana inzolo akuyimamela ingoma leyo uKhataza.
-
Naye wangenelela wacula nabo.
-
Noxa kwakunjalo wayengekakulungeli ukwehlika emthini aye ezantsi.
6
Umhlobokazi wakhe onguSihle weza emcebisa ukuba makehle emthini.
-
“Khathaza, ndincede, yehlika, andifuni kwahlukana nawe,” uSihle watsho ekhwaza.
7
Walinda ngomonde uSihle. UKhathaza wagqibela ngokuhla emthini waya phantsi. Wafika wamanga umhlobo wakhe uSihle.
-
“Mhlobokazi wam, bekutheni ukuze ubaleke uzokukhwela kulo mthi?” wabuza uSihle.
8
“Khange ndithande ngoba wonke umntu undiphatha ngathi ndilusana.”
-
“Bendifuna ukubabonisa ukuba ndingenza nantoni na enako ukwenziwa ngoobhuti bam,” yongeza ngelitshoyo le ntombazana.
9
Abantu bakuloKhathaza balungisa isidlo sokuvuyisana nokubuyela kwakhe kokwabo ekhuselekile.
-
Ukususela loo mini kude kuyiwe phambili, oobhuti bakaKhathaza bavuma ukudlala naye ibhola ekhatywayo.
10
Your attribution should include the following:
Title: UKhathaza uyabaleka emke
Author/s: M.A. Vukeya
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Brian Wambi
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator