Yintoni ikhompyutha?
Patricia Ndlovu
Pexels; Pixabay
Ikhompyutha ngumatshini osebenza ngolwazi.
-
Nazi iindidi ezine zeekhompyutha:
-
Ileptophu (1)
-
Idesktophu (2)
-
Unomyayi / ifowuni yeselula, ismatifowuni (3)
-
Ithabhulethi (4)
1
Ubona iinkcukacha esikrinini, (kwisakhelo esineglasi (5).
-
Uyachwetheza ufaka iinkcukacha kwikhibhodi (6).
-
Usebenzisa imawusi (7) ekukhokelayo ude ufumane okufunayo esikrinini.
2
Uyayihambisa imawusi xa ujonge esikrinini, (kwisakhelo seglasi).
-
Ukhetha iinkcukacha ezo uzifunayo esikrinini, ngomnwe wakho uyacofa ukuze ucinezele ngemawusi esikrinini.
3
Iilephutophu ezininzi zinephedi onokuyichukumisa (8) endaweni yokusebenzisa imawusi.
-
Uhambahambisa umnwe wakho apha kwiphedi yokuchukumisa.
-
Ucinezela kancinci ukhangela iinkcukacha.
4
Jonga ikhibhodi uze ufumane amaqhosha aqulathe oku:
1. oonobumba
2. amanani
3. iziphumlisi
-
La maqhosha aza kukunceda ekuchwethezeni ufaka iinkcukacha kwikhompyutha.
5
Jonga ikhibhodi yalo mnxeba (yesi smatifowuni).
-
Kwisalathisi sesikrini (seglasi somnxeba) ungachwetheza ngoobhontsi bakho.
6
Ezinye iikhompyutha zinesikrini esibanjwayo (9). Umzekelo, iithabulethi neminxeba.
-
Usebenzisa umnwe wakho nobhontsi usebenza ngeenkcukacha ezikwisikrini esibanjwayo.
7
Xa usebenzisa umnwe wakho nobhontsi, uzibhekelisa enye kwenye, umfanekiso uya usiba mkhulu.
-
Sondeza umnwe kubhontsi wakho ukuze umfanekiso ubemncinane.
8
Sisebenzisa iikhompyutha xa sisebenza naxa sifunda.
-
Sisebenzisa iikhompyutha ukuze sinxibelelane.
-
Sisebenzisa iikhompyutha ukuze sifunde kananjalo sizonwabise.
9
Isixhobo sokuchwetheza lelinye igama lekhompyutha.
-
Zeziphi izixhobo zokuchwetheza ezisetyenziswa ngabakokwenu, babezisebenzisela ukwenza ntoni?
10
Imibuzo
  1. Khuphela ukope lo mfanekiso uze uleyibhelishe:
  1. ikhibhodi
  2. imawusi
  3. isikrini
  1. Ulisebenzisa njani ilungu ngalinye lekhompyutha:
  1. ikhibhodi?
  2. imawusi?
  3. isikrini?
11
—Le ncwadi yenye kuluhlu lweencwadi ezine ezazisayo ngemixholo ekhoyo kubuchwepheshe bekhompyutha. (isungula izihloko ezigxile ekufundiseni ubuxhakaxhaka bala maxesha).
-
Eli bali layilwa laza labhalwa njengenxalenye yeZenex Ulwazi Lwethu eyiprojekthi yokufundwayo kuka2021.
12
Your attribution should include the following:
Title: Yintoni ikhompyutha?
Author/s: Patricia Ndlovu
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Pexels; Pixabay
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator