Please view the book
in landscape mode.
UKgothatso Montjane uKumkanikazi weNtenetya
Glanice Masilo
Sibusiso Khumalo
—
—
Eli bali lisencwadini lingoKgothatso Montjane.
-
Wazalwa ngo-1986 ePolokwane, elokishini eyiSeshego.
-
Wazalwa enesigulo eyayichaphazela izandla neenyawo zakhe.
-
Nangona kunjalo wakhula wada wangumdlali wentenetya odumileyo!
1
Ngenxa yale ngulo kaKgothatso, oogqirha kwanyanzeleka ukuba omnye umlenze wakhe mabawunqumle phantsi kwedolo. Usebenzisa ilungu lomzimba elingelilo elokwenene.
-
Eselula abanye abantwana babengafuni ukudlala naye ngenxa yokuba wayekhubazekile. Noxa kwakunjalo umama wakhe zange athande ukumphatha ngokwahlukileyo, kwakukho imisebenzi yendlu ekwakufuneka eyenzile.
2
UKgothatso wathunyelwa ngumama wakhe esikolweni sabo baneeMfuno eziKhethekileyo esiyi
Helen Franz Special Needs School
. Esi sisikolo sabafundi abakhubazekileyo ngandlela ithile.
-
Ekweso sikolo uKgothatso wasibonakalisa isiphiwo anaso kwezemidlalo.
-
Eselapho walinikwa nethuba lokubandakanyeka emdanisweni oyi
Ballroom
nakwi
Latin American
.
3
Enye yeetitshala zesikolo awayekuso uKgothatso yamnyula ukuba makamele eso sikolo kwindawo ekwakudlalelwa kuyo intenetya eRhawutini.
-
Wayengazange wayidlala intenetya uKgothatso!
-
Wathi uKgothatso, “Kwanyanzeleka ukuba mandidlale ngenxa yokuba ndafundiswa ukubahlonipha abantu abadala.”
4
Wadlala kakuhle uKgothatso apho kwakudlalelwa khona. Eso yaba sisiqalo sohambo lwakhe ukuze ade abe ngumdlali wentenetya osesitulweni esinamavili nodlala kumazwe ngamazwe.
-
Waphiwa isitulo esinamavili nezinto zonke zokudlala intenetya.
-
Le ntombi yayikuhambo lwayo lokuba ngomnye wabantu boMzantsi Afrika abakudidi oluphezulu kwezemidlalo nangona bekhubazekile.
5
UKgothatso waqalisa ukulungenela ukhuphiswa lwabadlali bentenetya abadlala besezitulweni ezinamavili ehlabathini jikelele. Waphumelela ukhuphiswano eBelgium naseSwitzerland.
-
Itumente yentenetya yaseSwitzerland yaba lolona khuphiswano aluthandayo. EMzantsi Afrika wawongwa izihlandlo ezithathu njengomntu obhinqileyo wonyaka okwezemidlalo nokhubazekileyo.
6
Ngo2013 nango2014 uKgothatso wathatha inxaxheba kwiitumente zentenetya zabadlala besezitulweni ezinamavili eFransi, eOstreliya naseMerika.
-
Eyedwa wakhuphisana nomnye umdlali wentenetya okhubazekileyo. Kwakhona wabandakanyeka emdlalweni wababini becala elinye bekhuphisana nesibini esikhubazekileyo naso selinye icala.
7
Kwakhona uKgothatso wangenela ukhuphiswano lweMidlalo yee
Paralympic
, leyo yiMidlalo yee
Olympic
yabantu bezemidlalo abakhubazekileyo.
-
Yayingumsebenzi onzima ukuziqeqeshela olo khuphiswano, noxa kunjalo akazange anikezele uKgothatso.
-
Nakule sikuyo imihla usalungenela ukhuphiswano njengelungu leQela loMzantsi Afrika labadlali abakhubazekileyo abaseMidlalweni yee
Olympic
.
8
UKgothatso wasebenza nzima ezimisele nasezifundweni zakhe. KwiYunivesithi yaseVenda wafundela isidanga seNzululwazi kwezoLonwabo nakwezeMidlalo.
-
Apho eyunivesithi intenetya yabo basezitulweni ezinamavili yayikukuphela komdlalo owawulungiselelwe abantu abakhubazekileyo bezemidlalo.
9
E
Wimbledon
eNgilane kulapho qho ngonyaka kubanjelwa khona olunye ukhuphiswano lwentenetya oludumileyo nekukudala lwabakhona.
-
Ngo2018 uKgothatso waba ngumntu wokuqala obhinqileyo oNtsundu waseMzantsi Afrika owabonwa ekufanele ukudlalela ubuntshatsheli e
Wimbledon
.
10
Kwafuneka ukuba uKgothatso makahambe aye eNgilane kwitumente yase
Wimbledon
. Nangona kwakunjalo kwakungekho mali yokuluhlawulela uhambo nendawo awayeza kuhlala kuyo uKgothatso.
-
Yakhathazeka le ntombi kukungabi nandlela yokuya apho kuba yayingekho imali. Ngethamsanqa wafumana uncedo kwiqela labantu ababhinqileyo abangoosomashishini!
11
Ngo2018 i
Wimbledon
yaba yitumente yesine ye
Grand Slam
kaKgothatso.
-
Ezona zibalulekileyo izihlandlo ezine zokhuphiswano lwamazwe ngamazwe kwintenetya zaziwa njenge
Grand Slam
.
-
UKgothatso waba ngowokuqala waseAfrika odlala intenetya esesitulweni esinamavili, owangenela ukhuphiswano nowayekwiitumente ezine ze
Grand Slam
kwakuloo nyaka mnye.
12
UKgothatso ungumdlali wentenetya okudidi oluphezulu eMzantsi Afrika nakwizwekazi iAfrika. Ungomnye wabahlanu abakudidi oluphezulu bengabadlali bentenetya abadlala besezitulweni ezinamavili ehlabathini!
-
Ukongeza kwimpumelelo yakhe, uKgothatso uyanceda ekuxhaseni abanye abadlali abakhubazekileyo. Yena uyasibonisa ukuba umntu angayiyo nantoni na, akukhathaliseki nokuba ukhubazekile.
13
—
—
Imibuzo
Ngubani uKgothatso Montjane? Khawusichazele.
Waqalisa njani uKgothatso ukudlala intenetya?
Lithini igama lesikolo awafunda kuso uKgothatso, umdaniso oyi
Ballroom
nalowo uyi
Latin American
?
Kungeliphi ixesha xa uKgothatso wayengenele ukhuphiswano lweetumente ezine ze
Grand Slam?
Kutheni le nto ibalulekileyo?
14
—
—
Le ncwadi yamabali yenziwa yaza yabhalwa ngeSetswana njengenxalenye eyiprojekhthi yokufundwayo yeZenex Ulwazi Lwethu ngo-2021.
15
16
Your attribution should include the following:
Title
: UKgothatso Montjane uKumkanikazi weNtenetya
Author/s
: Glanice Masilo
Translator/s
: Angelinah Dazela
Illustrator/s
: Sibusiso Khumalo
Assurer/s:
Bukeka Mahlangabeza
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator