USele uyasinda ekufeni
Selolo Nare Joyce
Rob Owen
Kudaladala kuMlambo iOlifants kwakuhlala isele.
-
Ngenye imini xa uSele wayequbha kunetha, waqalisa ukuziva elambile.
-
Waphawula ukuba kufutshane apho kwakukho inqwaba yeempukane.
1
“Isisu sam ndiza kusigcwalisa ngeempukane,” wacinga njalo uSele.
-
Yakuthi qabu imvula, uSele waxhuma waphuma emlanjeni esiya kwiimpukane.
2
Kwangoko phambi koSele kwathi gqi uLovane. “Lo ngummandla wam, noku kutya kokwam!” watsho uLovane engenalusini.
-
Esemsindweni uLovane wakhawuleza wawutshintsha umbala wakhe.
3
USele waxhumela kude kangangoko wayenakho.
-
Warhubuluza waya etyholweni ezama ukuthoba izibilini ekubeni eye wothuswa nguLovane.
4
Esazama ukuba makazole uSele, kwathi gqi uNgcuka owayetshisa amatyholo.
-
Wothuka esoyika loo mlilo uSele!
5
Waxhumela phantsi uSele watsho wazifihla phantsi kwamagqabi amakhulu.
-
Loo magqabi ayesixaba amfihla uSele, nangona kwakunjalo lalivakala kuye ifuthe lomlilo owawumrhangqile.
6
Esoyika uSele wawagquma amehlo akhe. Waxhumela phezulu kangangoko wayenakho.
-
Kwavakala isithonga sokuthi dyumpu kwakhe emanzini omlambo awabuyela kuwo.
7
USele wabona uFudo onwabile phezu kwesebe lomthi. Waqubha waya kuFudo.
-
“Molo, belunjani usuku lwakho?” wabuza uFudo.
-
“Khange kubekho nto,” watsho uSele encumile.
8
Your attribution should include the following:
Title: USele uyasinda ekufeni
Author/s: Selolo Nare Joyce
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Rob Owen
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator