UYebo neZim
Ntombifuthi Ncwayiba
Kamogelo Matlawe
Kwindawo edume ngamahlathi, kwaye kukho uYebo, umntwana owayehlala nabazali bakhe.
-
Kwalapho kuloo ndawo, kwakuhlala uZimzim.
-
UZimzim lo wayesaziwa ngokutya abantwana.
1
USikwebu onguyise kaYebo, wayengumzingeli. Ebesithi xa ekufutshane akhwaze athi, “Yebo! Yebo! Mntwana wam. Ndihlangabeze.”
-
Umve uYebo esithi kumama wakhe, “Mama, utata uyandikhwaza. Mandikhawuleze ndimkhawulele.”
-
UZimzim waqaphela ngokukhawuleza ukuba uSikwebu uyamkhwaza umntwana wakhe xa avela kuzingela.
2
Ngobo busuku uZimzim wazama ukuzenza uSikwebu wakhwaza, “Yebo! Yebo! Mntwana wam. Ndihlangabeze.”
-
Waziva ukuba elo lizwi liphumayo asililo ilizwi likaSikwebu.
-
Wahlala wacinga, “Ndingalitshintsha njani ilizwi lam?”
3
UZimzim wandwendwela enye indoda eyaye isaziwa ngobubi.
-
“Mhlekazi, ndingenza njani ukuze ndibe nelizwi elifana nelo labantu?”
-
Kufuneka utshise izembe lide lijike libe bomvu, wakugqiba uliginye,” yamcebisa njalo.
4
Wenza njengoko eyalelwe uZimzim.
-
Watshisa izembe waza waliginya, waphinda waya kuloYebo wafika wakhwaza, “Yebo! Yebo! Mntwana wam. Ndihlangabeze.”
-
Hayi yayingelolizwi likaSikwebu elo. Wayeliva ukuba elo lizwi lalilikhulu.
5
UZimzim wabuyela kwindoda leyo wayeye kuyo ebhidekile wafika wathi, “Ndodandini, kanti umntu kufuneka ade athini ukuze ilizwi lakhe libe lincinci nje kakuhle?”
-
“Phinda utshise izembe ubusuku bonke uze uliginye kusasa.”
6
Emva koko wahamba uZimZim wabuyela endaweni yakhe esehlathini. Wenza njengoko eyalelwe. Kweli tyeli waziva ezithembile.
-
Waphinda wakhwaza, “Yebo! Yebo! Mntwana wam. Ndihlangabeze.”
-
Ilizwi lakhe lafana twatse nelo likaSikwebu.
7
Akumva uYebo wakhawuleza ukuya kuye. Akufika wafumanisa ukuba ayingoyise wajika wabaleka.
-
Waleqwa nguZimzim wabanjwa.
-
Wahamba naye waphindela phakathi apho ehlathini.
8
Akugqithanga mizuzu mingaphi, wavela uSikwebu njengesiqhelo wakhwaza, “Yebo! Yebo! Mntwana wam. Ndihlangabeze.”
-
Okwamothusayo kukuba akazange avele ndawo uYebo. Umama waphendula ngelithi, “Ubusele umbizile nje umntwana wakho.”
-
Baqonda kwangoko ukuba umntwana wabo uthathiwe nguZimzim.
9
Wathabatha intonga yakhe uSikwebu waqonda ngqo ehlathini.
-
Kungekudala, wambona uZimzim elele ecaleni komlambo, eneso sisu sikhulu. Wayebeke ingxowa enkulu phambi kwakhe.
10
Wachwechwa ukusondela. Akusondela, wambetha wamqusha ngentonga yakhe.
-
Wothuka wabaleka uZimzim ebalekela kude.
-
Wakhulula loo ngxowa uSikwebu wamkhupha umntwana wakhe owayesaphila.
11
USikwebu wamgona uYebo, evuyela ukumbona umntwana wakhe.
-
Wavuya kakhulu noYebo akubona utata wakhe, iqhawe lakhe elimsindise kuZimzim.
-
Balibala ngoZimzim babuyelala ekhaya.
12
Your attribution should include the following:
Title: UYebo neZim
Author/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Translator/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Illustrator/s: Kamogelo Matlawe
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator