Please view the book
in landscape mode.
Ububele bukaMaṱodzi
Tshedza Tlhako
Busisiwe Ndlovu
Kwakukho intombazana egama linguMaṱodzi.
-
UMaṱodzi wayehlala elalini nomama kwakunye noMakhulu wakhe.
1
Ngenye imini, umama kaMaṱodzi wamcela ukuba amdlulisele umyalezo kuMalumekazi wakhe kwenye ilali.
-
“Landela laa ndlela siqhele ukuyisebenzisa,” uMaṱodzi wakhunjuzwa ngumama wakhe.
2
UMaṱodzi walandela indlela eqhelekileyo eya endlwini kaMalumekazi wakhe, wawugqithisa umyalezo.
-
Xa wayesendleleni egodukayo uMaṱodzi, kufutshane apho weva ilizwi lithethela phantsi, “Ndicela undincede.”
3
UMaṱodzi wabhekabheka waza wabona umntu ongumama elele ecaleni kwendlela.
-
Wambulisa waza wabuza uMaṱodzi, “Kutheni ulele apha nje?”
4
Waphendula lo mama wathi, “Andinamandla, ndiyagula, kwaye ndihlala kude nekhaya.”
-
UMaṱodzi waba nosizi ngulo mama.
5
Wathi kuye, “Ndiza kukusa kwikhaya lam kuba likufuphi.”
-
UMaṱodzi wamncedisa lo mama ukuze aphakame.
-
Bahamba kancinci bada bafika.
6
UMaṱodzi, umama noMakhulu wakhe bamkhathalela ngokumonga lo mama wada waziva ebhetele.
7
Lo mama waba nombulelo ongazenzisiyo kubo ngokumkhathalela.
-
Wancoma uMaṱodzi ngokukhalipha nangokukhathala.
8
Lo mama wathi kuMaṱodzi nabantu bakokwabo, “Andinakuze ndinilibale ngoku nindenzele kona.
-
Emva kweentsuku ezintathu, ndifuna ukuba nindixelele iminqweno eninayo emibini.”
9
Emva kweentsuku ezintathu, uMaṱodzi, umama wakhe noMakhulu, bayixela iminqweno emibini ababenayo.
-
Umnqweno wokuqala yayikukuba babe nendlu entle.
10
Umnqweno wesibini yayikukuba babe nehlathi ngasendlwini yabo khon’ukuze bangayi kude xa beyokutheza iinkuni.
-
Yomibini le minqweno yabo yafezekiswa njengoko ebetshilo umama abamncedayo.
11
UMaṱodzi nosapho lwakhe bahlala ngokonwaba endlwini yabo entle esecaleni kwehlathi.
12
Your attribution should include the following:
Title
: Ububele bukaMaṱodzi
Author/s
: Tshedza Tlhako
Translator/s
: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s
: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator