UFudo liqhawe
Ntombifuthi Ncwayiba
Khanyisa Masemola
Kudaladala izilwanyana zaphelelwa ngamanzi.
-
Zazulazula zikhangela iindawo ezingafumana kuzo amanzi okusela.
-
Zakhangela zancama
1
Zabiza intlanganiso ukuze zifumane isisombululo kwingxaki yazo. Zeza zonke izilwanyana, ngaphandle kukaDyakalashe.
-
“Andisokuze ndiye kuloo ntlanganiso inamafudo anukayo,” utshilo uDyakalashe.
-
Yazenza umsindo izilwanyana into eyathethwa nguDyakalashe.
2
Kwintlanganiso kwagqitywa ekubeni kombiwe umthombo.
-
Inkokeli yezilwanyana yathi, “Umthombo wethu uzakuba nzulu, kwaye ube banzi. Xa ugcwele, asisokuze siphelelwe ngamanzi kwakhona.”
3
Zaxhentsa, zicula, zitshintshiselana ngokomba umthombo.
-
Ekugqibeleni kwatsitsa amanzi ephuma apho emhlabeni, aza awuzalisa umthombo.
-
Zonwaba kakhulu izilwanyana kuba amanzi ayephuma apho ayenencasa engazange ifaniswe nanto.
4
Ngolunye usuku izilwanyana zafumanisa ukuba kukhona ofika emanzini azo, awagxobhe.
-
Zagqiba ekubeni ziza kutshintshiselana ngokugada umthombo.
5
Ngomhla wokuqala kwabekwa uMvundla ukuba agade. Kwathi kusenjalo, kwafika uDyakalashe ehamba edlala ugqaphu.
-
“Wenza ntoni na?” wabuza uDyakalashe.
-
“Ndigade umthombo wezilwanyana,” waphendula ngokuzithemba uMvundla.
6
UDyakalashe wacela uMvundla ukuba badlale kunye.
-
Batshintshiselana ngokubophana ngentambo.
-
Kulo mdlalo, obotshiweyo kwakufanele avale amehlo, kuthi emva koko, abale afike kwiwaka ngaphambi kokuwavula amehlo.
-
Waye wavuma uMvundla.
7
Waqala uMvundla wabopha uDyakalashe ngentambo, wabala wafika kwiwaka emva koko wamkhulula.
-
Lafika nelakhe ityeli lokuba uMvundla abotshwe nguDyakalashe. Wamshiya apho ebala waya kusela amanzi emthonjeni.
-
Uthe akugqiba, wangena waqubha.
-
Wakha amanye amanzi wagoduka nawo.
8
UMvundla wabala wafika kwiwaka waza wavula amehlo, wabe uDyakalashe engabonakali ndawo.
-
Wakhwaza ekhala kwada kweza ezinye izilwanyana zamkhulula.
9
Izilwanyana zaqhubeka zitshintshana ngokugada umthombo, kodwa azizange zimbambe uDyakalashe. UFudo wathi, “Ndiza kuwugada umthombo.”
-
“UFudo alusiso isilwanyana esikhaliphileyo okanye esidlamkileyo,” zacinga njalo ezinye izilwanyana.
-
Kodwa ekugqibeleni zavuma. Waya uFudo wafika wangena ngaphantsi kwamanzi.
10
Uthe xa efika uDyakalashe akabona nto wathi, “Yho! Namhlanje abazisanga mntu!”
-
Wathi xa eqala ukusela, weva into ixhakamfula impumlo yakhe nemtsalela ngaphantsi kwamanzi.
-
Wazama ukuphuncula uDyakalashe, kodwa wamqinisa uFudo. “Yizani ndimbambile! Yizani ndimbambile!” watsho ekhwaza uFudo.
11
Izilwanyana zafika zamkhupha uDyakalashe emanzini, zambophelela.
-
UFudo wathi kuDyakalashe, “Wone zonke izilwanyana, ngoko sikunika isigwebo sokuba uhlambe iinyawo zazo zonke izilwanyana.” Izilwanyana zamphakamisela phezulu uFudo zivuya, zisithi uliqhawe lazo.
-
Emva koko, zasela amanzi azo izilwanyana zonwabile, kungekho nto iziphazamisayo. Namanzi azo ahlala ecocekile.
12
Your attribution should include the following:
Title: UFudo liqhawe
Author/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Translator/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator