UMnumzana noNkosikazi Malatji
Kanane Dina Nkoana
Jesse Breytenbach
Eminyakeni eyagqithayo kwiphondo iLimpopo kwakukho ilali encinci ekwakusithiwa yiGa-Molapo, yayilawulwa nguKumkani Sello Kekana.
-
Le lali yayincinci kangangokuba abantu bakhona babesazana. Izindlu zalapho zakhiwa ngodaka zafulelwa ngengca.
1
UMnu. noNkskz. Malatji babehlala kule lali.
-
Yonke imihla uMnu. Malatji wayesiza neenkuni zokubasa, amanzi ayekhiwa emlanjeni nguNkskz. Malatji.
-
Yonke imihla babephikisana ngemisebenzi ejongene nomntu ngamnye kubo.
2
“Ndidikiwe kukusoloko nditheza iinkuni,” watsho uMnu. Malatji.
-
“Kanti nam ndikruqukile kukusoloko ndisiza namanzi,” watsho uNkskz. Malatji.
-
“Andizokube ndiphinde ndiyokutheza iinkuni!” wakhalima ngelitshoyo uMnu. Malatji. Wazilahla phantsi iinkuni waphuma endlwini.
3
Kuthe kusenjalo, kwavumbuluka umlilo kweso sixeko, iintsapho ezininzi zashiyeka zingenamakhaya.
-
Umlilo waqalisa kwindlu yakwaMalatji waza wanwenwela kweminye imizi.
4
Waxakaniseka kakhulu uNkskz. Malatji.
-
Wayekhalima efuna kubuye umyeni wakhe.
-
“Khawubuye uzokundinceda sakhe indlu entsha!” watsho elila.
-
UMnu. Malatji wabuya noko sele ezithobile.
5
Abahlali bale lali iGa-Molapo bagqiba ekubeni mabaye kuKumkani.
-
Bamchazela yonke into ebisoloko isenzeka kuloo lali. Babekhalazela uMnu. noNkskz. Malatji.
6
Bakuxelelwa abakwaMalatji ukuba kukhalazelwa bona, babevutha ngumsindo.
-
Baqokelela yonke impahla yabo bayishiya loo lali.
7
Kuthe kusenjalo, kwabakho umlilo omkhulu owawunwenwela kuloo lali.
-
Lo mlilo wayitshisa imizi, intlaninge yabantu yasala ingenamakhaya.
8
Abahlali baphinda baya kubona uKumkani.
-
“Asinakutya, asinamanzi, asinazindawo zokuhlala,” batsho abahlali bekhalaza.
-
“Kusoloko kukho imililo qho xa bephikisana uMnu. noNkskz. Malatji!” batsho belila abemi balapho.
9
Kwesi isihlandlo uKumkani Sello Kekana wazimamela izikhalazo zabemi.
-
UMnu. noNkskz. Malatji bagxothwa kwilali yase Ga-Molapo bakhutshwa nakwiphondo iLimpopo.
-
Azi ukuba baya phi abakwaMalatji emva koko?
10
Your attribution should include the following:
Title: UMnumzana noNkosikazi Malatji
Author/s: Kanane Dina Nkoana
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Jesse Breytenbach
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator