Umhlobo ongenakumthemba
Mafisa Kwena Petrus
Rob Owen
Ngaxa lithile uNyoka wakha wanobuhlobo bokwenene noSele.
-
Babethandana, ingulowo ethembekile komnye.
1
Ngenye imini uSele wathi kuNyoka, “Mhlobo, kunganjani xa sinokumka siyokuqokelela iimbovane ezimnandi, ezibhabhayo nezityebileyo?”
-
UNyoka wavuma ukuhamba noSele.
2
Aba bahlobo baziqokelela iimbovane ezibhabhayo bazigalela engxoweni.
-
USele wayengoyena uqokelele ezininzi kwaye oko kwamonwabisa.
3
Xa besendleleni egodukayo badibana nesiqhu soonomatse uSele noNyoka.
-
Abo nomatse babeziintshaba zikaSele noNyoka.
4
Walila uNyoka, “Mhlobo siza kuhlaselwa! Ukuba siyahlukana nezinto esinazo engxoweni, ngokuhlwa namhlanje asizokubanayo into esinokuyitya!”
5
USele wabakhalimela oonomatse, “Sikhweleleni, sukani endleleni, kungenjalo nakuba ngamaxhoba!”
-
Oonomatse bagqiba ekubeni mababaleke bemke!
6
USele wamema uNyoka ukuba eze kwisidlo sangokuhlwa.
-
“Inkosikazi yam ilungisa iimbovane ezibhabhayo, kunjalo ziyanambitheka,” watsho ngokuzingca uSele.
-
Abahlobo baqhubeka bethetha ngeli xesha uNkskz. Sele alungisa isidlo sangokuhlwa.
7
Ngexesha elifutshane kwaba sekulungile ukutya.
-
Bazihlamba abahlobo, emva koko kwayiwa etafileni.
8
Ngesiquphe uSele wabonakala esalatha kwipleyiti yakhe esithi, “Ukutya okuphakelwe uNyoka kubonakala kukuninzi ngaphezu kokwam!”
9
Waphendula uNyoka, “Okona kutya kuninzi koko kusepleyitini yakho!”
-
USele wasidla isidlo sakhe, uNyoka wakhathazeka waza akakufuna okwakhe ukutya.
10
USele wagqibela ngokuthi kuNyoka, “Ukuba uza kuthuka umfazi wam ngokuthetha kakubi ngendlela apheka ngayo, kungakuhle xa uphuma ngoku uhambe.”
11
Eso yaba sisiphelo sobuhlobo babo obabuqale ngokuba buhle!
-
Ukususela ngoko, amasele kunye neenyoka zange ziphinde zibengabahlobo.
12
Your attribution should include the following:
Title: Umhlobo ongenakumthemba
Author/s: Mafisa Kwena Petrus
Translator/s: Angelinah Dazela
Illustrator/s: Rob Owen
Assurer/s: Bukeka Mahlangabeza
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator