IiKhompyutha zikaTshilidzi Marwala ezikrelekrele
Ndivhuho Mutsila
Thulisile Shongwe



Eli bali limalunga noNjingalwazi Tshilidzi Marwala.
-
UTshilidzi siSazinzulu seeKhompyutha kwaneNjineli yooMatshini eMzantsi Afrika.
-
Eli bali lingokuba wenza njani uTshilidzi waseDuthuni ukuze abe yingcali yehlabathi jikelele kwezeNzululwazi neThekhnoloji.
1
UTshilidzi Marwala wazalelwa kwilali iDuthuni, eLimpopo. Wakhuliswa ngabazali bakhe behlala noMakhulu wakhe uTshianeo.
-
UMakhulu uTshianeo wayesenza iingqayi ezintle ngodongwe. Imizobo yakhe yesiNtu kwezo ngqayi yayibonisa ubunjineli bendalo.
2
Ubunjineli yinzululwazi yokuzoba nokuyila izinto ezifana noomatshini nezakhiwo.
-
UMakhulu uTshianeo wayebazi ubunjineli bokwenza iingqayi zesiNtu.
-
UTshilidzi wayethanda ukumbukela uMakhulu wakhe xa esenza iingqayi, ethanda nokumncedisa.
3
Wayeqala ngokwenza isiseko sengqayi sibe sisangqa esisicaba.
-
Akugqiba wayesenza amacala engqayi anyukayo abungqukuva ngolunye udongwe.
-
UMakhulu wayezomisa elangeni iingqayi zakhe, emva koko azifake emlilweni.
4
Umlilo wawuba shushu ngokwaneleyo ulungele ukubhaka udongwe.
-
Ukubhaka udongwe kumlilo oshushu kakhulu, kuyawomisa wonke amanzi akolo dongwe. Loo nto yenze udongwe luqine kakhulu.
-
Iingqayi zikaMakhulu zazomelele kwaye zihlala ixesha elide.
5
Uthando lukaTshilidzi lweNzululwazi nobuNjineli lwalusuka nakutata wakhe.
-
UMnu. Marwala wayengutitshala weMathematika kwisikolo saloo ngingqi.
-
Phambi kokuba afunde ukuphindaphinda esikolweni, uTshilidzi wafunda ukuphindaphinda amanani ngokufunda iincwadi zikatata wakhe.
6
UTshilidzi wayesoloko enomdla wokwazi ngezinto. Ebusuku wayedla ngokuthatha ithotshi katata wakhe akhanyisele isibhakabhaka ukuze abone ungqameko lwaso!
-
Akugqiba amabanga akhe aphantsi, uTshilidzi wasiwa esinaleni kwisixeko iShayandima.
7
Kwabamnandi esinaleni ngoba wadibana nabantu abatsha. Wafunda ukuvana nabantu abohlukeneyo.
-
UTshilidzi watshintshela kwisikolo samabanga aphezulu iMbilwi.
-
Wayebahlonipha ooTitshala bakhe bezeNzululwazi neMathematika kwesaa sikolo. Babemnika umdla wokufunda nokusebenza ngokuzimisela.
8
Kunyaka wakhe wokugqibela esikolweni, uTshilidzi waphumelela ukhuphiswano lwe‘National Youth Science Olympiad.’
-
Waphumelela uhambo oluya kwingqungquthela yamazwe ngamazwe eyayibizwa ngokuba yi‘London International Youth Science Forum’ eyayiseNgilani. UTshilidzi wafundela ubuNjineli booMatshini kwiYunivesithi yasePitoli.
9
Waqhubela phambili nezifundo zakhe kwiYunivesithi yaseCambridge.
-
UTshilidzi wayenomdla wokwazi ukuba ithekhnoloji ingabutshintsha njani na ubomi bethu. Wafundela ubuNgcali kwiNzululwazi yeekhompyutha. Emva koko waya kufundela iThekhnoloji nobuNjineli eMelika.
-
Emva kweminyaka emininzi yokufunda, uTshilidzi wagqiba kwelokuba azise ulwazi lwakhe alufumeneyo ekhaya, eMzantsi Afrika.
10
Waqala wasebenza njengomakhi wobuxhakaxhaka beenkqubo zekhompyutha, esebenzisa ingqondo eyakhiweyo.
-
Xa sithetha ngengqondo eyakhiweyo, kuxa sibhekisa koomatshini abenza umsebenzi ofuna ubukrekrele bomntu.
-
UTshilidzi wenza ubuxhakaxhaka benkqubo yekhompyutha obenza ukuba iikhompuyutha zikwazi ukungcamla nokunukisa.
11
Namhlanje uNjingalwazi uTshilidzi Marwala uyingcali yehlabathi jikelele kubuNjineli booMatshini nakwiNzululwazi yeeKhompyutha.
-
UNjingalwazi uTshilidzi Marwala ngoku uzama kufumanisa iindlela zokuba iikhompyutha zenzele abantu izinto ezininzi.
-
Umzekelo, ingqondo eyakhiweyo ingakwazi ukunceda abantu ezibhankini, ezibhedlele nasezikolweni.
12
Umsebenzi kaNjingalwazi uTshilidzi Marwala ugxile kwindlela iThekhnoloji enokunceda ngayo ekudaleni amathuba emisebenzi kwaye isincede sonke siphile ubomi obungcono.
-
Unegalelo kulwazi olungeNzululwazi neThekhnoloji.
-
Ubomi bakhe bubonisa ukubaluleka kwemfundo kwanokusebenza ngokuzimisela. Ngokunjalo nakwixabiso lokufuna ukwazi!
13

Imibuzo


  1. Ngobani ababenegalelo ekubeni uTshilidzi abe siSazinzulu? Utsho ngoba kutheni?
  2. Wafunda ntoni uTshilidzi esinaleni?
  3. Yintoni iNzululwazi yeKhompyutha? Phanda ngesi sifundo.
  4. Zenza ntoni iiNjineli zooMatshini? Phanda ngomsebenzi wazo.
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15



Eli bali liyilwe laze labhalwa ngesiVenda njengenxalenye yeprojekthi yeZenex Ulwazi Lwethu ka2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: IiKhompyutha zikaTshilidzi Marwala ezikrelekrele
Author/s: Ndivhuho Mutsila
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Thulisile Shongwe
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator