Ukuhlangabezana neKhovidi
African Storybook
Tawanda Mhandu
Izikolo zazivalwe iinyanga ezininzi ngenxa yokumiswa ngxi kwezinto ngurhulumente, nto leyo eyachaphazela isizwe sonke. Ukumiswa ngxi kwezinto neentshukumo yayilicebo lokunqanda ukusasazeka kweKhovid-19.
-
Izikolo ziphinde zavulwa kule veki iphelileyo. Abanye abafundi basesemakhaya.
-
Kwisikolo samabanga aphantsi, iMaxeke, lixesha lesifundo seZakhono zoBomi.
1
UTitshala uPiti ufuna ukufumanisa ukuba abantwana bahlangabezane njani nolu miso lwezinto.
-
“Ndingathanda ukuva ngamava enu ngexesha lokumiswa kwezinto,” watsho kubafundi.
-
USello waba ngowokuqala, “UTata wam ukholelwa ukuba wonke umntu kufuneka enendlela eqingqiweyo yokwenza izinto yonke imihla.”
2
“Ngoko ke, wayedla ngokusivusa kwakusasa yonke imihla, ngoMvulo ukuyokutsho ngoLwesihlanu, wayesenzisa izinto ezakhayo ukususela kwintsimbi yesi8 ukuya kweyesi2,” watsho uSello.
-
UMunya wabuza, “Kuthetha ntoni ukuthi, ‘izinto ezakhayo’?”
-
“Kukwenza izinto eziluncedo nezincomekayo,” waphendula uSello.
3
“Ewe Sello, unyanisile,” watsho uTitshala uPiti.
-
UNeo, udade kuSello wongeza, “UTata wethu waqinisekisa ukuba oku kuvaleleka ukwenza kufane nexesha lesikolo!”
-
UNeo wathi, “Inye nje into endandiyithanda ngelokhdawuni, kukuba senza imisebenzi emininzi kunye silusapho.”
4
UMunya wathi, “Ndicinga ukuba ndalisebenzisa ngobulumko ixesha lam. Ndandisenza umsebenzi wam weMathematika kuba ndifuna ukuphucula iziphumo zam.
-
Ndandibukela iimuvi, ndidlale naphandle ukuze ndizonwabise. Bendifunda neencwadi, ukuzigcina ndixakekile.
-
Ndandizilolonga ukuzigcina ndisempilweni.”
5
UBasani wathi, “Malunga nelokhdawuni, kwabakho iziphumo ezilungileyo kwanezingalunganga.”
-
“Ezilungileyo zezokuba ndafumana ixesha lokuphumla, ndaza ndachitha ixesha nabantu basekhaya. Elinye ixesha ndalichitha ngokufunda iincwadi nokuhlaziya umsebenzi wam wesikolo,” watsho ecacisa.
6
Waqhubeka wathi, “Ndandixhalabile ndingazi ukuba abancedisi basezindlwini baya kwamkeliswa na.
-
Ndandinexhala ngabantu basekhaya kwanabantu ababeqhubeka nokwaphula umthetho.”
-
UTitshala uPiti wanqwala. Wayesazi ukuba ngexesha lelokhdawuni kwakulula ukungaqiniseki nokuba nexhala.
7
UYash wavakala esithi, “Thina silusapho lwabantu abathandathu. Nangona ndibathanda nje abantu basekhaya, kwakusoloko kundixakekisa ukuba phakathi kwabo.
-
Ukusombulula le ngxaki umama wam wathenga umdlalo ekuthiwa nguMonopholi. Ndandiwuthanda lo mdlalo ndisengumntwana.”
8
UYash wagqibezela ngelithi, “Ndiwudlale gqitha lo mdlalo uMonopholi kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, kangangokuba ndide ndacinga ngokufumana umsebenzi wokuthengisa izindlu!”
-
UAmanda wahleka waza wathi, “Into ebendiyenza ngexesha lokumiswa kwezinto kukupheka nokubhaka. Ndandikhumbula gqitha esikolweni!”
-
Abafundi abaninzi bavumelana naye.
9
UTitshala uPiti wathi, “Kuluncedo ukuthetha nomntu esimthembayo ngendlela esiziva ngayo.
-
Namhlanje ndive amacebo alungileyo okumelana nemicelimngeni yobomi.
-
Masiqhubekeni ngale ntetho ngomso,” watsho uTitshala uPiti kwakukhala intsimbi.
10

Imibuzo


  1. Bhala intsingiselo yala magama: ukumelana, umcelimngeni, ixhala, isiqhelo
  2. Bhala amagama aphikisanayo.
  3. Cacisa ukuqhula kukaYash.
  4. Ngawaphi amacebo amathathu anokunceda uhlangabezana neengxaki ebomini.
  5. Uyavumelana noBasani? Sicacisele ngempendulo yakho.
11


Eli bali lisekelwe kwiingxelo zeRX Radio. IRX Radio sisikhululo sika nomathotholo wabantwana esikwi-intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
IRX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
IRX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Ukuhlangabezana neKhovidi
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Tawanda Mhandu
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator