Ukumiswa kweentshukumo ezikolweni
African Storybook
Busisiwe Ndlovu
UBusisiwe noBandile bonwabile kakhulu.
-
Izikolo zivalwe ngenxa yokumiswa kwezinto!
-
Bayalilangazelela eli thuba lokuhlala ekhaya.
1
Emva kweeveki ezintlanu zokuvalelwa, aba dade babengasonwabanga.
-
“Ndenza konke okusemandleni ngezifundo zam kwi-intanethi. Ngumceli-mngeni!” watsho ephefumlela phezulu uBandi.
2
UBusi wavuma, watso esithi, “Ndiyakukhumbula ukuya esikolweni.”
-
“Ngoku, isikolo ziincoko ezikumaqela eWhatsApp, ii-app zemfundo, kwakunye nemfundo ekumabonakude!” watsho uBandi.
3
Waqhuba esithi, “Ngoku, isikolo sidinga uqeqesho ngakumbi, nokuzimisela.”
-
UBusi wathi, “Kwaye ke kulindeleke ukuba sibe nedatha kwakunye nothungelwano ngalo lonke ixesha.”
4
“Iintsapho ezininzi azikwazi ukuhlawulela idatha. Luxinzelelo lwemali,” watsho uBandi.
-
UBusi wacinga ngabahlobo bakhe, uBuhle noLuka.
5
UBusi wathi, “Abanye abantwana badinga ukutyiswa esikolweni.”
-
Exhalabile, “Ingaba abazali babo baya kukwazi na ukubathengela ukutya okwaneleyo?”
6
UBandi wathi, “Sinethamsanqa. Oku kuvaleleka akusichaphazelanga kangako apha ekhaya ngokwezemali.”
-
“Ndiyabakhumbula nyhani abahlobo bam,” watsho uBusi.
7
Esongeza, “Ndiyakwazi ukuthetha nabo emxebeni, kodwa akufani. Ndiyakuthanda ukudlala nabo.”
8
UBandi wenza uluhlu, “Ndikhumbula umoya wasesikolweni, ootitshala, ukufunda izinto ezintsha, nokuba nabahlobo bam.”
-
Umama ungena egumbini labo.
9
“Mantombazana, ndisanda kuva kunomathotholo ukuba izikolo ziyavulwa kwakhona kule veki izayo,” watsho encuma umama.
-
UBusisiwe noBandile bonwabile kakhulu!
10

Imibuzo


  1. Sicacisele intsingiselo yala magama: ‘uxinzelelo lwemali’, ‘ukufunda nge-intanethi, ‘inkqubo yokutyisa esikolweni’.
  2. Ingaba oodade baye bakonwabela ukuvaleleka? Sicacisele ngempendulo yakho.
11


Eli bali lisekelwe kwiingxelo zeRX Radio. IRX Radio sisikhululo sika nomathotholo wabantwana esikwi-intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
IRX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
IRX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Ukumiswa kweentshukumo ezikolweni
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator