Ukumiswa kweentshukumo kwasezilalini
African Storybook
Tammi Mbambo
ULanga uya esikolweni. Usuke kwakusasa kakhulu ekhaya.
-
Ikhaya lakhe likude nesikolo.
-
Unemincili yokubuyela esikolweni, ngoba izikolo bezivalwe iinyanga ezininzi.
1
Endleleni ugqitha kuloMandla.
-
ULanga unexesha elide engasamboni umhlobo wakhe.
-
Babengavumelekanga ukuba badlale kunye.
-
La makhwenkwe onwabileyo abulisene ngeengqiniba nangeenzwane.
2
Aqhubeka nokuhamba la makhwenkwe. Ayekulangazelela ukuya esikolweni.
-
Babenemincili yokuthetha ngokumiswa kweentshukumo.
-
“Uye wenza ntoni ukuzigcina ukhuselekile kule ntsholongwane?” wabuza uLanga.
3
Besivuka kwakusasa sihlambe izandla zethu. Sihlambe izandla kwakhona phambi kokuba sitye,” waphendula uMandla.
-
“Ewe, besisoloko sihlamba izandla!” wangqina naye uLanga.
-
“Kwaye sisoloko siyokukha amanzi,” wongeza ngelitshoyo.
4
Ndandidla ngokuhlala nabahlobo bam, kodwa ngoku andikwazi ngoba akuvumelekanga ukuhlala nabantu abaninzi,” watsho uMandla.
-
“Kukho imithetho emininzi emitsha,” wancwina uLanga.
5
“Kufuneka ugqume umlomo nempumlo xa uphuma phandle. Xa ukhohlela, kufuneka ugqume umlomo ngomphambili wengqiniba. Emva kokuba ubukhohlele, kufuneka uhlambe izandla,” watsho esenza uluhlu uLanga.
6
“Apho ndihlala khona, asivumelekanga ukuba sidlale ibhola ekhatywayo,” watsho uMandla.
-
“Apho ndihlala khona abantu abadala abasakwazi ukufumana amayeza wabo ekliniki,” watsho uLanga.
7
“Le ntsholongwane kwakunye nokuvalelwa kubachaphazele kakhulu abantu abahlala ezilalini,” watsho uLanga.
-
“Asisakwazi nokuya edolophini kuba izithuthi zikawonkewonke azisasebenzi,” watsho uMandla.
8
“Abantu abaninzi abazenzela imali ngokuthengisa abasakwazi ukuyenza loo nto,” waqhuba watsho uMandla.
-
La makhwenkwe athule ngoku. Ekusondeleni kwabo esikolweni, aqala ukukhawuleza.
9
ULanga wathi, “Xa bendizigcina ndixakekile bendihlamba izitya ndize ndincedise ukupheka. Bendibukela umabonakude kwaye ndifunde.”
-
“Mna, bendidla ngokukhaba ibhola yam, ndincedise umama wam, ndifunde kwanamabali,” watsho uMandla.
-
La makhwenkwe afika ngexesha esikolweni.
10

Imibuzo


  1. Ubusenza ntoni ukuze uzigcine ukhuselekile kwintsholongwane yeKhorona? Sicela usicacisele.
  2. Kwiphepha le10, la makhwenkwe athetha ngexesha eladlulayo. Bhala le ntetho kubengathi bathetha namhlanje (kwixesha langoku).
  3. Bhala intetho yabo kubengathi babhekisa kwingomso (kwixesha elizayo).
11


Eli bali lisekelwe kwiingxelo zeRX Radio. IRX Radio sisikhululo sika nomathotholo wabantwana esikwi-intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
IRX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
IRX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Ukumiswa kweentshukumo kwasezilalini
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Tammi Mbambo
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator