Please view the book
in landscape mode.
USuku lwamaLungelo oLuntu
Arnold Mushwana
Thulisile Shongwe
—
—
Usuku lwamaLungelo oLuntu eMzantsi Afrika lubhiyozelwa ngomhla wama-21 kweyoKwindla rhoqo ngonyaka.
-
Le ncwadi ingembali nokubaluleka kwale holide.
1
Ngexesha localucalulo, abantu abamnyama eMzantsi Afrika babecinezelekile.
-
Abantu babesilwa nocalucalulo nemithetho yalo eyayingalunganga. Babesilwela inkululeko kwanamalungelo alinganayo.
-
Ngomhla wama21 kweyoKwindla minyaka yonke, ilizwe liye likhumbule amaqhawe enkululeko.
2
Ngonyaka we1960 ngomhla wama21 kweyoKwindla, abantu baseSharpville nakwaLanga bamatsha.
-
Babeqhankqalazela imithetho eyayinomkhethe yorhulumente wocalucalulo. Babematshela umthetho we‘Dompasi’.
-
“Amandla! Ngawethu! Amandla ebantwini!” Bakhwaza abamatshi.
3
ESharpville, babecula kwaye bematsha ngoxolo besingise esikhululweni samapolisa.
-
Athi akubona isiqhu sabantu amapolisa, ahlasela abamatshi.
-
Abantu babaleka, abanye benzakala. Abanye basweleka.
4
Umhla wama21 waqala wakhunjulwa njengosuku lwaseSharpville.
-
Lo mhla wenziwa iholide emva konyulo lwedemokhrasi ngonyaka we1994. Ngale mini ilizwe liye likhumbule abantu abalwela inkululeko. Yindlela yokubabulela le.
5
UMzantsi Afrika unoMgaqosiseko wedemokhrasi.
-
Abantu abawubhalayo lo Mgaqosiseko mtsha babefuna kuhlonitshwe amalungelo abo bonke abantu.
-
UMgaqosiseko waseMzantsi Afrika, ucwangcisa amalungelo nemisebenzi yabo bonke abahlali. Wonke umntu unelungelo elifanayo.
6
Yonke iminyaka umhla wama21 kweyoKwindla yiholide. Iiofisi nezikolo ziyavalwa.
-
Yiholide yokubhiyozela amaLungelo oLuntu. Yimini yokubhiyozela ukulingana kwabantu.
-
Abantu bayibhiyozela kwaye bayihloniphe le mini ngeendlela ezohlukeneyo.
7
Abantwana bangayibhiyozela le mini ibalulekileyo ngokuthetha ngamalungelo wabo njengolutsha.
-
Ewe, abantwana nabo banawo amalungelo!
-
Amalungelo abantwana ngamalungelo akhethekileyo, abantu abangaphantsi kweminyaka eli18.
8
Bonke abantwana banamalungelo alinganayo. Uyawazi amalungelo akho?
-
“Ilungelo lokukhathalelwa,” watsho uNtombi.
-
“Ilungelo lokuba negama!” wakhwaza uNtsuku.
-
“Ilungelo lokuhlala elizweni lam okanye nakweliphi na ilizwe,” watsho uShadrack.
9
“Ilungelo lokukhuseleka,” watsho uMelanie, ngasemva.
-
“Ilungelo lokufunda,” watsho uArnold.
-
“Ilungelo lokungaviswa ubuhlungu okanye lokungaphathwa gadalala,” watsho uNhlayiselo.
10
Lawo ngamanye amalungelo abanawo abantwana.
-
Sinamalungelo ukanti sinazo neemfanelo.
-
Sinamalungelo kwanoxanduva.
-
Abantwana bona banoluphi uxanduva?
-
“Imfanelo yokwenza imisetyenzana yasekhaya,” watsho uAnna.
11
“Uxanduva lokugcina umzimba nengqondo yam zisempilweni,” watsho uNtsuku.
-
“Uxanduva lokuphatha abanye ngendlela nathi esingathanda ukuphathwa ngayo,” utshilo uChumani.
-
“Uxanduva lokwenza konke okusemandleni am esikolweni,” watsho uMiso.
12
“Uxanduva lokuhlonipha amalungelo abanye abantu,” watsho uLerato.
-
Sisonke sinoxanduva lokuhlonipha amalungelo abanye abantu.
-
Bayalingana bonke abantu.
-
Usuku lwamaLungelo oLuntu lungenkululeko kwanokulingana kwethu sonke.
13
—
—
Imibuzo
Kutheni le nto umhla wama21 kweyoKwindla uyiholide eMzantsi Afrika?
Ayintoni amalungelo oluntu?
Nika imizekelo emithathu yamalungelo abantwana.
Phanda ngoMqulu wamaLungelo eMzantsi Afrika. Dwelisa uluhlu lwala malungelo.
14
—
—
Iincwadi ezikolu luhlu
USuku loLutsha
USuku looMama
USuku loXolelwaniso
USuku lwaBasebenzi
USuku lwamaLungelo oLuntu
USuku lweNkululeko
USuku lwezaMafa
15
—
—
Le ncwadi iyilwe yaze yabhalwa ngeXitsonga njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex Ulwazi Lwethu ka-2020.
16
Your attribution should include the following:
Title
: USuku lwamaLungelo oLuntu
Author/s
: Arnold Mushwana
Translator/s
: Sheila Mandlate
Illustrator/s
: Thulisile Shongwe
Assurer/s:
Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator