UMbovane noNdlovu
Sicelo Hlamandana
Simangaliso Sibiya & Fezile Twala
Ngaminazana ithile izilwanyana zadibana zaba nentlanganiso zifuna oza kuzilawula phakathi kwazo.
-
Zeza zonke izilwanyana zahlangana kwakunye nezinambuzane.
-
Into eyamangalisayo kukungabikho kweendlovu njengoko izizilwanyana ezikhulu kunezinye.
1
Yaqhubeka intlanganiso yovoto noxa zazingekho iindlovu.
-
“Siza kubamba unyulo nokuba iindlovu azikho. Kufuneka siyazi inkosi yethu namhlanje,” utshilo uSikhova.
2
Izilwanyana zavotela ukuba ikumkani yazo ibe nguMbovane.
-
Naye uMbovane wavumela phezulu, noxa wayezazi ukuba udelekile, kungoko wayesoyika.
-
“Luxanduva olukhulu olu kwaye lubandakanya umsebenzi omkhulu,” wazicingela uMbovane.
3
Iindaba zokuba uMbovane unyulwe waba yinkosi zasasazeka ngokukhawuleza.
-
Zafika ezo ndaba ezindlebeni zenkosana yeendlovu.
-
Yavutha ngumsindo inkosana.
4
Iindlovu zathuma inkosana yazo ukuba iyokufuna ukutya ehlathini.
-
UNkosana uNdlovu wayezithembile kuba wayezazi ukuba unamandla kwaye akanalo tu ixesha leembovane.
-
Wayengenaxesha lokuba uhamba kumhlaba wazo iimbovane ezo
5
Ngenxa yamandla eyayinawo inkosana, yaphula isikhondo somthi ngeli xesha ihambayo. Kwaphuma iimbovane ezininzi! Elo laba lithuba likaKumkani uMbovane lokungena nzulu embokweni wenkosana.
-
UMbovane wathi, “Umele ukuhlonipha wonke umntu.” Wayiluma inkosana amaxesha amaninzi.
6
Inkosana yeendlovu yakhala icela uxolo, yathembisa ukuba iya kukwenza nantoni na efunwa nguMbovane, icela nje angambulali.
-
Indlovu yagoduka idanile ingakuphethanga noko kutya.
-
Zazixakiwe zimangalisiwe ezinye iindlovu ngezithembiso inkosana ethe yazenza kuKumkani uMbovane.
7
Ezinye iindlovu zavuyela nje ukubona inkosana yazo iphilile.
-
Zazingakhathali nokuba uMbovane unguKumkani.
-
Iimbovane zalawula noxa zazincinci ngokwemizimba nendalo yazo.
8
Your attribution should include the following:
Title: UMbovane noNdlovu
Author/s: Sicelo Hlamandana
Translator/s: Sicelo Hlamandana
Illustrator/s: Simangaliso Sibiya & Fezile Twala
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator