UTebello Nyokong, iSazinzulu esilwa nomhlaza
Nomsa Angelina De Wee
Simon Mokoena


UTebello Nyokong siSazinzulu esibalulekileyo eMzantsi Afrika.
-
Ulwazi lwakhe luyanceda kwaye lusindisa abantu abanezifo ezibi.
1
Esakhula uTebello wayehlala nomakhulu kunye notatomkhulu wakhe eLesotho. Bamkhulisa kakuhle.
-
Ngezinye imini wayesiya kwalusa aze ngosuku olulandelayo aye esikolweni. Oku yayikukuqala kwemfundo yakhe.
2
Xa wayesalusa iigusha uTebello wayedla ngokuqwalasela ezinye izilwanyana kwanezityalo.
-
UTebello wayenomdla kwinto yonke emngqongileyo. Wayengumntwana ondwebileyo.
-
Wafunda lukhulu ngendalo ukususela kwizityalo ukuya kwizilwanyana ezazilapho efama.
3
UTebello wayefuna ukufunda ezeNzululwazi esikolweni.
-
Bamxelela ukuba angakhe alinge, babekholelwa ekubeni iNzululwazi yayisisifundo esinzima.
-
Bathi ezeNzululwazi zifanele amakhwenkwe hayi amantombazana.
-
Ekuqaleni wabamamela. Abahlobo bakhe esikolweni babefunda ezinye izifundo.
4
Nangona kwakunjalo uTebello wayefuna ukufunda ngezeNzululwazi kuphela. Wayesazi ukuba angakwazi ukumelana neso sifundo.
-
Ekugqibeleni bamvumela ukuba asifunde esi sifundo. Wavuya kwaye wayeqhuba kakuhle.
-
Waqalisa ukufunda ezeNzululwazi xa kwakusele iminyaka emibini ukuba agqibe ukufunda kwisikolo samabanga aphakamileyo.
5
Kwafuneka uTebello asebenze nzima kakhulu ukuze abe kwinqanaba elifanayo nabanye abafundi ababesele bekwiklasi yezeNzululwazi kakade.
-
Wayekrelekrele, ezimisele, kwaye ekuthanda ukufunda.
-
Wazifunda zonke izifundo zakhe zeNzululwazi zamabanga aphakamileyo ngeminyaka emibini wada waphumelela!
6
IKhemistri lolunye uhlobo lweNzululwazi yolwakhiwo. Lelinye lamacandelo olwazi lwezeNzululwazi. Wayelithanda kakhulu eli candelo lenzululwazi uTebello.
-
Ulingo lweKhemistri lwenziwa kwilabhoratri yenzululwazi.
-
UTebello wayesazi ukuba ufuna ukuya eyunivesithi ayokufundela iKhemistri.
7
UTebello wabhalisela isidanga seNzululwazi kwiYunivesithi yaseLesotho.
-
Wayengumfundi okrelekrele owayesebenza nzima. Wayechitha ixesha elininzi eselabhoratri esenza amalinge.
-
Waphumelela kakuhle kakhulu, wada wazuza inkxasomali yokuya kufunda eKhanada.
8
UTebello wayekuthanda ukufundela ezeNzululwazi, kodwa wayelusizi xa wayeshiya abakokwabo kwakunye nabahlobo bakhe eAfrika.
-
Waya eKhanada ngoba wayefuna ukufunda ngokubanzi ngophando lwezeNzululwazi apho.
-
Wayefuna ukuba yingcali kwicandelo lakhe lezeNzululwazi.
9
UTebello wadibana nabahlobo abatsha eKhanada.
-
Babethetha iilwimi ezahlukileyo, kodwa isiNgesi sabanceda ukuba bakwazi ukunxibelelana kakuhle.
-
EKhanada kwakukhithika ezidolophini ngokungathi kukwiintaba zaseLesotho.
-
Akuzange kube kudala uTebello wazuza inkxasomali kwakhona yokuba aqhubele phambili ngokufunda.
10
Emva koko waya kufunda kwiYunivesithi yaseMelika. Wagxila kuphando lwezenzululwazi ngeenjongo zokulwa izifo ezibi.
-
Emva kweminyaka emininzi yokufunda uTebello wabuyela ekhaya. Wayefuna ukusebenzisa Ulwazi lwakhe ukuze ancede abantu baseMzantsi Afrika.
-
UTebello wayezithembile.
11
Namhlanje uTebello unguNjingalwazi kwezeNzululwazi. Unelabhoratri yakhe yezenzululwazi kwaye ufundisa abafundi eyunivesithi.
-
-
Uphanda ngeendlela ezintsha zokunceda abantu abenezifo ezibi.
-
Umsebenzi kaNjingalwazi Nyokong wongeza kulwazi olungokunyanga nokusindisa abantu abanomhlaza.
12
Umsebenzi wakhe wongeza kulwazi lweNzululwazi olunceda ukulwa nezifo.
-
Ubomi bakhe bubonisa ukubaluleka kokuzithemba nokunganikezeli.
-
Sidinga ezinye iZazinzulu ezifana noNjingalwazi Tebello Nyokong!
13

Imibuzo


  1. Xela amazwe amathathu athe wafunda kuwo uTebello. Wakhangele emephini.
  2. Esakhula ingaba wayeliqaphela ilizwe elimjikelezileyo uTebello? Ukwazi njani oku?
  3. Kwakutheni ukuze bathi makangafundi ngezeNzululwazi? Uyavumelana nabo?
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15


Eli bali liqulunqwe laze labhalwa ngeSesotho njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex Ulwazi Lwethu ka2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: UTebello Nyokong, iSazinzulu esilwa nomhlaza
Author/s: Nomsa Angelina De Wee
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Simon Mokoena
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator