UPhumelele okhaliphileyo
Zandile Malaza
Simon Mokoena
UPhumelele wayeyintombazana eyayiphuma kwikhaya labahluphekileyo.
-
Wayehlala nabakokwabo elalini eyiCelani.
-
Yayinye kuphela indlela yokungena, inye neyokuphuma kuloo lali iCelani.
1
Ecaleni kwendlela yale lali kwakukho umthi.
-
Inyoka enkulu yayihlala kulo mthi.
-
Abantu kwakufuneka badlule kulo mthi xa besiya ekliniki, ezivenkileni, okanye esikolweni.
2
Qho xa le nyoka isiva izingqi, ibisuka kwisebe lomthi iwe bhaxa endleleni. Ibiqinisekisa ukuba kunzima nakubani na ukuba makagqithe.
-
Abantu belali bazama ukuyibamba kodwa zange baphumelele.
3
Akakho owayekwazi ukuyibamba le nyoka. Inkosi yathembisa ngembuyekezo nakubani na owayenokuyibamba le nyoka.
-
Ngamadoda kuphela awayevunyelwe ukuthabatha inxaxheba kulo mcelimngeni.
4
Amadoda, amancinane namakhulu, azama ukuyibamba le nyoka kodwa zange aphumelele.
-
Amadoda azama ukusebenza engamaqela. Nasemva kwezo nzame zange aphumelele ekuyibambeni le nyoka.
-
Kwakuyingozi ukungena nokuphuma kuloo lali.
5
UPhumelele waya enkosini wafika wathi, “Ndivumele ndithabathe inxaxheba kulo mcelimngeni.”
-
Abantu bamhleka uPhumelele kuba wayengumfazi. “Uyadlala lo!” batsho.
-
Inkosi yacingisisa ngesicelo sikaPhumelele.
6
Ekugqibeleni, inkosi yacinga isithi, “Amadoda elali oyisakele ekuyibambeni le nyoka. Lilonke ayikho into eza kusilahlekela.” Inkosi yamnika uPhumelele ithuba.
-
Nangona kwakunjalo yayingakholelwa inkosi ekubeni uPhumelele angaphumelela kumzamo awe phantsi kuwo amadoda.
7
UPhumelele wabanalo icebo elinobulumko.
-
Waluka ibhaskiti enkulu kakhulu.
-
Wafaka kuyo imitya yokuyitsala ibhaskiti ukuze ikwazi ukuvaleka.
-
Wayithwala entloko le bhaskiti waya ngasemthini.
8
Njengesiqhelo inyoka yeva izingqi. Yalungiselela ukuwa phantsi ivale indlela.
-
UPhumelele naye wayewulungiselele loo mzuzu ubalulekileyo!
-
“Namhlanje kunamhlanje,” wacinga njalo ngeli xesha wayesondela emthini.
9
Ngeli xesha inyoka yayisuka emthini isihla, yawela phezu kwebhaskiti leyo yayalukiwe.
-
UPhumelele wazitsala kwangoko ezo ntambo ukuze ivaleke ibhaskiti. Kwangoko inyoka yayivalelekile ngaphakathi.
10
UPhumelele wayithwala le bhaskiti waya nayo elalini.
-
Bonke abantu bamvuyela ngelo xesha wayengena emasangweni ebhotwe lenkosi.
-
“UPhumelele unobulumko yaye unesibindi. Inkosi kufuneka igcine isithembiso sayo,” batsho abantu.
11
Inkosi yanika uPhumelele imbuyekezo engumhlaba omkhulu nobuhlanti obabuzele ziinkomo.
-
Waba yinkokeli yalaa ndawo. Abantu babesiya kuPhumelele bacele iingcebiso.
-
Inyoka yasiwa kwindawo ekugcinwa kuyo iinyoka, abantu belali bakwazi ukuhamba ngokukhululekileyo.
12
Your attribution should include the following:
Title: UPhumelele okhaliphileyo
Author/s: Zandile Malaza
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Simon Mokoena
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator