UDada noHobe
Nwabisa Dumela
Tebogo Matshana
“Tswi! Tswi! Tswi!”
-
“Kwa! Kwa! Kwa!”
-
“Da! Da! Da!”
-
UDada nomhlobo wakhe uHobe badibana echibini ababeqhele ukudibana kulo kufutshane nomlambo.
1
Yaye iyimini eyayishushu kakhulu. UDada wangena emanzini. UHobe wacinga wathi, “Ingathi kumnandi ukudada.”
-
“Hobe, uyakunqwenela ukudada?” wabuza uDada emana ukutshonisa intloko emanzini.
-
“Yiza ndikubeleke, ndikufundise ukudada,” watsho uDada.
2
UHobe wabhabhela emthini xa kufika ixesha lokuba atshonise eyakhe intloko emanzini.
-
UHobe wacinga elusizi, “Andisokuze ndikwazi ukudada njengoDada.”
-
Washiyeka yedwa uDada apho emanzini.
3
“Owu yhini Hobe! Undityhafisela ntoni? Kutheni undishiya ndodwa nje emanzini? Bendicinga ukuba uyakubawela ukudada njengam,” wakhalaza uDada.
-
“Ndoyika ukurhaxwa,” waphendula uHobe. “Bendicinga ukuba ufuna ukufunda ukudada njengam,”utshilo uDada.
4
“Tswi tswi tswi! Dada, nam mandikufundise ukubhabha.”
-
Shwiii! Wabhabha uHobe waya kuthi ngcu elityeni elikhulu. Walandela uDada.
-
Kusenjalo, nanko uHobe phezulu emthini omde. Washiyeka uDada enomsindo kuba engakwazi ukulandela.
5
“Hayi bo! Kutheni uHobe engandicingeli nje? Ndilidada, andiyontaka. Ndiqhele ukudada. Andikuqhelanga ukubhabha,” wazicingela uDada enomsindo.
-
UHobe wamvela umhlobo wakhe uDada, wehla emthini.
6
Bahlala phezu kwelitye bajongana bethe cwaka.
-
Ekugqibeleni, wathi uHobe, “Mhlobo wam, namhlanje ndifundile ukuba andisokuze ndidade njengawe.
-
Nawe ngokunjalo, akusoze ubhabhe njengam. Mna ndiyabhabha, wena uyadada.” Bagonana abahlobo.
7
“Singamadada, thina singamadada. Siyakuthanda ukudada. Xa sidada edamini, sitshonisa iintloko, siphume sele sisithi, ‘Kwaa kwaa kwaa gxadada! Kwaa kwaa kwaa gxadada!’”
-
“Khanikhangele ezo ntakana. Ziphaphazela ngamaphikwana zithi, ‘Tsiyoyo, tsiyoyo, tsiyoyo!’”
8
Your attribution should include the following:
Title: UDada noHobe
Author/s: Nwabisa Dumela
Translator/s: Nwabisa Dumela
Illustrator/s: Tebogo Matshana
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator