Intlanganiso yosapho
African Storybook
Thulisile Shongwe
Sinentlanganiso yosapho.
-
Apha kukho uTata, uDadobawo uPula, uTatomncinci uChavani, uEddie, uAttie, mna kwakunye noMakhulu.
-
Ndingoyena mncinci.
1
Unomathotholo uhlala ekhala imini nobusuku ekhayeni lam.
-
Simamela iindaba rhoqo.
2
Izikolo bezivalwe iinyanga ezininzi ngenxa yokumiswa ngxi kweentshukumo ngurhulumente (ilokhdawuni).
-
UTata uqale ngelithi, “Lusapho lwasekhaya, kufuneka senze isigqibo ngokubuyela kwabantwana esikolweni.”
3
UDadobawo uPula wayexhalabile. “Xa izikolo zivulwa loo nto ithetha ukuba abantu abaninzi baya kosuleleka.
-
Imeko inakho ukuba mandundu,” utshilo.
4
UAttie uthe, “Ndiyakoyika ukufumana esi sifo.
-
Masilindeni iiveki ezimbini sibone ukuba izinto zihamba njani esikolweni. Kukho ukudideka okuninzi.”
5
UTata uthe, “Ndoyikisela uMakhulu.
-
Ukuba abantwana bangosuleleka beze naso ekhaya esi sifo, ingayinto embi kakhulu kuye.”
-
UMakhulu wanqwala intloko.
6
UMakhulu wam sele emdala. Unesifo seswekile nesimo sentliziyo.
-
Ndiyoyika kakhulu. Ndikhathazekile ngabantu basekhaya.
7
UTatomncinci uChavani wathi, “Ndicinga ukuba abantwana mabahlale ekhaya, njengesithintelo. Makhe sime sibone ukuba izikolo zikulungele na ukwamkela abafundi.”
-
Wonke umntu wavumelana naye ngaphandle kukaEddie.
8
“Ndimele ukuya kwisikolo samabanga aphezulu kulo nyaka uzayo.
-
Andazi nokuba ndingawugqiba na umsebenzi.
-
Ukwenza izifundo zam kwi-intanethi asiyonto yam,” watsho uEddie.
9
Andinaxhala lokuba semva kumsebenzi wesikolo.
-
Ndinexhala lobuntu. Siza kuphathana njani ngoku?
-
Simele ukujongana nale ngxaki sonke.
10

Imibuzo


  1. Bhala intsingiselo yala magama: Ukosuleleka, ubudala, ukuthintela, ubuntu.
  2. Chaza intsingiselo yokuthi ‘unexhala ngoluntu jikelele’.
  3. Ucinga ukuba olu sapho lwafikelela kwesiphi isigqibo? Ngoba kutheni?
11


Eli bali lisekelwe kwiingxelo ze-RX Radio. I-RX Radio sisikhululo sika nomathotholo wabantwana esikwi-intanethi, esilawulwa ngabantwana besenzela abanye abantwana.
-
I-RX Radio isebenzela kwisibhedlele sabantwana iRed Cross War Memorial eKapa.
-
I-RX Radio incedisana nabantwana ukuba babalise ngezinto ezibalulekileyo kubo.
-
Tyelela iRX Radio
12
Your attribution should include the following:
Title: Intlanganiso yosapho
Author/s: African Storybook
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Thulisile Shongwe
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator