Iholide ka-Alina
Sponono Mahlangu
Khanyisa Masemola
Kwidolophu endihlala kuyo kwakukho umama owayesisityebi ekwakusithiwa nguAlina.
-
UAlina wayehlala kwipomakazi lendlu elihle.
-
Wayengonwabanga nangona wayenempumelelo.
1
Ngenye imini wayehambahamba kwipomakazi elo lakhe.
-
Wancuma akufikelwa zezi ngcinga, “Ndingathanda ukudibana nabantu abatsha. Mhlawumbi ndakudibana nabantu abanjalo xa ndiye eholideyini. Mhlawumbi ndingadibana nomntu okhethekileyo.”
2
UAlina walungiselela iholideyi kolona nxweme luhle lolwandle kwelo lizwe.
-
Wayenemincili mhla kwafika usuku lwakhe lokuhamba.
-
Wafika wahlala ngokukhawuleza kwihotele ayikhethileyo ukuze onwabele utyelelo lwakhe kule ndawo intle kangaka.
3
UAlina wayengqengqa elunxwemeni aphumle. Wayebukela abantu ababezihambela bemngqongile. Ngokukhawuleza wabona indoda ihamba nabantwana ababini.
-
Olu sapho lwalungakhangeleki ngokungathi lonwabile. Bonke babekhangeleka bengonwabanga. Abantwana babezidlalela ngokuthe cwaka.
4
UAlina wacinga, “Ndimangalisiwe ukuba kutheni belusizi nje nangona besendaweni entle kangaka?”
-
Ekuhambeni kwemini wayequbha edamini lehotele leyo ngeli xesha nabantwana bale ndoda bafikayo nabo bezokuqubha. UAlina waba nomdla waza waqalisa ukuncokola nabo.
5
Amagama aba bantwana yayinguKarembo noKazungu. Baxelela uAlina ukuba leyo yayiyiholide yabo yokuqala oko waswelekayo umama wabo.
-
Akudibana noyise wabo uAlina, wayibona intlungu kunye nokulahlekelwa emehlweni ale ndoda. Igama layo yayinguClemens.
6
UClemens, uAlina naba bantwana ngokukhawuleza balichitha kunye ixesha.
-
UKarembo noKazungu bakonwabela ukudlala noAlina kolo nxweme.
-
UAlina wabafundisa ukuluka iibhaskiti ngamagqabi omthi wesundu, wabafundisa indlela yokwenza iinqaba ngesanti.
7
Iintsuku zadlula bonke bonwabile kwelo langa.
-
UAlina wayengasafuni ukubuyela esithukuthezini sepomakazi lakhe.
-
“Iholideyi yam iyaphela. Mhlawumbi ukuba ndingongezelela iintsuku zam zokuhlala apha, andinakuziva ndinxunguphele kangaka,” watsho emangalisiwe uAlina.
8
Ngobo busuku uAlina weva kunkqonkqozwa kancinci elucangweni lwakhe. Xa wayevula umnyango, wabona uKarembo noKazungu bemi emnyango.
-
Bathetha ngaxeshanye bathi, “Sifuna ube ngumama wethu!”
-
UAlina wayengazi ukuba angabaphendula njani na.
9
Emva kokuba bethethile, uAlina wangena egumbini lakhe lokulala. Ukubona abantwana bakhe bonwabile noAlina kwamenza wancuma uClemens.
-
Wabanga ebagona abantwana uAlina esithi zebalale kamnandi. UAlina wazixelela wathi, “Ndidibene nabantu abathathu abakhethekileyo.”
10
Kusasa uAlina wahamba wayokudla isidlo sakusasa noClemens nabantwana bakhe. UKarembo noKazungu babanethemba elikhulu kuAlina ngeli xesha wayehlala nabo phantsi.
-
“Ingaba ikhona into eyenzekayo?” wabuza uClemens encumile ejonge inkangeleko yobuso babantwana bakhe.
11
Emva konyaka omnye, uAlina noClemens babesele betshatile!
-
Qho ngonyaka olu sapho belutyelela kolwaa nxweme luhle bevuyisana nokuhlangana kwabo kwisihlandlo sokuqala.
-
Babedlala emanzini besenza iinqaba ngesanti njengoko babezenza ukuqala kwabo ukuhlangana.
12
Your attribution should include the following:
Title: Iholide ka-Alina
Author/s: Sponono Mahlangu
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator