Ibali likaLesedi
Tebogo Matshana
Tebogo Matshana
Udadewethu uLesedi sisitshingitshane.
-
Uyagungqagungqa esesitulweni sakhe ezenza ibhere.
-
Uyakuzimela phezulu emthini xa wena uzama ukumbamba.
1
UMakhulu wakhwaza, “Suka apho, yihla, uza konakalisa iinwele zakho!”
-
“Owu Makhulu,” waphendula uLesedi, “Sendiphakathi emoyeni!”
-
Engakholelwa, wanikina intloko yakhe uMakhulu.
2
Iyakholeleka into yokuba qho xa kunethayo, udadewethu uLesedi angabaleka kuloo mvula.
-
“Lesedi!” wakhwaza uMakhulu, “Ngena ngaphakathi, uza kumanzisa iimpahla zakho!”
3
ULesedi wenza imizobo ngesidlo sakhe sangokuhlwa, waxova udaka oluncinci ngeti yakhe.
4
Uyaligqumisa, alimbakraze igubu lakhe, aze aqhushumbise ikatari yakhe yombane.
5
Yiyo loo nto angawuqapheliyo umonakalo awenzayo kwigumbi lethu!
6
“Lesedi!” watsho uMakhulu, “Ngokwenene asiyondlela ekumele intombazana iziphathe ngayo le.”
7
“Owu Makhulu,” watsho ezamla uLesedi, “Yindlela endidalwe ngayo le.
8
Ubusuku bonke uLesedi uyaguquguquka, ubuthongo abuhli kuye.
9
Kodwa makufike intsasa, uLesedi uyozela.
-
“Owu Makhulu,” watsho uLesedi, “Khange ndilale kakuhle konkekonke.
-
Ndicela undidlulisele umtshayelo, ndiyaqonda ndiza kucoca igumbi lam.”
10
Owu Lesedi!” wancuma uMakhulu, “Mhlawumbi uya kugqibela ngokuba linenekazi!”
-
“Owu Makhulu,” wancuma uLesedi, “Ndingandim, ndize ndibe linenekazi kananjalo.”
11
“Ndingazizo zombini. Ndingayiyo nantoni na endifuna ukuba yiyo,” watsho udadewethu esanga uMakhulu.
12
Your attribution should include the following:
Title: Ibali likaLesedi
Author/s: Tebogo Matshana
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Tebogo Matshana
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator