Izimvo ezikrelekrele zika Mulalo Doyoyo
Arnold Mushwana
Thulisile Shongwe


Eli libali likaMulalo Doyoyo, umqambi nenzululwazi yaseMzantsi Afrika.
-
Abaqambi ngabantu abacinga baze baqulunqe kwaye bayile zonke iintlobo zezinto ezintsha.
-
UMulalo usebenzisa iNzululwazi neTheknoloji ukwenza izixhobo ezinceda abantu nokusingqongileyo.
1
Ndifuna ukukuxelela ngeNjineli eyaba ngumqambi odumileyo. Wazalelwa kwilali iVondwe,” waqala ngelitshoyo uTitshalakazi uMary.
-
“Titshala, iphi iVondwe?” wabuza uLulama.
-
“Ikwiilali zePhondo iLimpopo,” waphendula uTitshala.
2
“UMulalo Doyoyo wazalwa ngonyaka we1970. Naniphi ke nina nonke ngowe1970?” wabuza uTitshalakazi uMary.
-
“Sasingekho ngowe1970, Titshala,” waphendula uJack esitsho ngentsini.
-
“UMulalo waqala ukufunda kwisikolo samabanga aphantsi iVondwe ngowe1977,” waqhuba uTitshalakazi.
3
Akufika kwisikolo samabanga aphezulu, wathanda izifundo zobuNjineli kwakunye neNzululwazi,” watsho uTitshalakazi uMary.
-
“Yintoni ubuNjineli?” wabuza.
-
“Yinzululwazi kwakunye neTheknoloji zihlanganisiwe,” kwaphendula uNkonka.
-
“Ingokwenza oomatshini, izakhiwo kwakunye nezinye izinto, waphendula uKulani.
4
Nichanile nobabini. IiNjineli ziyayila zijike zakhe oomatshini, izinto nezakhiwo. Zisebenzisa inzululwazi kwanethekhnoloji,” watsho uTitshalakazi.
-
“Akugqiba amabanga akhe esikolo esiphakathi eMbilwi, uMulalo wazuza inkxasomali yokufundela ubuNjineli kwiYunivesithi yaseKapa,” waqhubeka watsho.
5
“Akuba seYunivesithi uMulalo waseka umbutho owawubizwa ngokuba yiTemescial.
-
Eli gama limele ‘iThekhnoloji, amayeza, kwakunye nenzululwazi yazo zonke’.
-
ITemiscial ikhuthaza ulutsha ukuba lufunde inzululwazi, iThekhnoloji, ubuNjineli kwakunye neMathematika.
-
“Sekumva kufuneka siphande ngokubanzi ngale nyewe.”
6
“Akufumana isidanga sakhe sokuqala, uMulalo waya eMelika. Wafunda waza wafundisa kwiiYunivesithi zalapho.
-
Wafundisa iNzululwazi neMathematika eSetyenziswayo (Applied Mathematics). Yintoni iMathematika?” wabuza uTitshalakazi uMary.
-
“Kukufunda ngamanani, iimilo neepateni,” watsho uAkani
7
“Uchanile Akani,” watsho uTitshalakazi.
-
Waqhubeka nebali lakhe.
-
“UMulalo unesidanga sobuGqirha. Uzuze esona sidanga siphezulu, iPhD. Emva kokufumana esi sidanga ubizwa ngokuba unguGqirhalwazi. Uyincutshe kwezobuNjineli.”
8
“Ke ngoku, phambi kokuba ndinixelele ngoyilo lukaMulalo, mandinikhumbuze ngesixhobo sokwakha ekuthiwa yisamente,” watsho uTitshalakazi.
-
“Isamente inento ekuthiwa lilitye lekalika kwaye isetyenziswa kwizakhiwo ezininzi.
-
Eli litye ligrunjwa emgodini, licunyuzwe libe ngumgubo ocolekileyo, lize litshiswe kwenziwe isamente.”
9
“Bafundi, uMulalo waqamba isixhobo sokwakha esingenamatye. Endaweni yoko, sisebenzisa uthuthu kwanenkunkuma yemizimveliso.
-
Loo nto ithetha ukuba siyakwazi ukwenza isamente ngaphandle kokusebenzisa ilitye lekalika elivela emhlabeni. Oku kwenziwa ngaphandle kokonakalisa okusingqongileyo.”
10
“UMulalo wayila nomatshini wokwenza izitena ekuthiwa yiEcocast. Ngumatshini owonga amanzi kwanombane. Amanzi anqabile!”
-
“Kufuneka singashiyi iimpompo zivulekile amanzi achithakale,” watsho uJack.
-
“Ewe, wonke umntu unoxanduva lokonga amanzi,” waphendula uLulama.
11
“Sendiza kuligqiba ibali lam, ngesithuthuthu esinamandla ehayidrojini! Esi sithuthuthu kuthiwa ‘yiAhifambeni’. UMulalo wasiyila ekunye nabanye abaphandi,” watsho uTitshalakazi.
-
“Isithuthuthu sehayidrojini, bubukrelekrele obo!” watsho uKulani.
-
“Ahifambeni! Masihambeni!” watsho uNkoka.
12
“Ewe! Masiyeni siyokufundela ubuNjineli siqambe izinto ezibonisa ubukrelekrele!” watsho uKulani.
-
“Masisebenziseni iNzululwazi kwakunye neThekhnoloji ukusombulula iingxaki sizonwabise!” watsho uNkoka.
-
“Bendisazi ukuba ibali likaMulalo liza kunikhuthaza!” watsho uTitshalakazi uMary encumile.
13

Imibuzo


  1. Uthanda ukufunda ntoni? Kutheni uthanda ukufunda loo nto nje?
  2. Ucinga ukuba kwakutheni le nto uMulalo wathanda iNzululwazi kwanobuNjineli?
  3. Phanda ngokubanzi ngeentlobo ezahlukeneyo zobuNjineli.
  4. Phanda ngokubanzi ngabaqambi baseAfrika.
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15



Eli bali laqulunqwa laze labhalwa ngeXitsonga, njengenxalenye yeprojekthi yeZenex Ulwazi Lwethu yezixhobo zokufunda ka2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: Izimvo ezikrelekrele zika Mulalo Doyoyo
Author/s: Arnold Mushwana
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Thulisile Shongwe
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator