Please view the book
in landscape mode.
UNomsa ohlakaniphileyo
Zandile Malaza
Simon Mokoena
Elalini eyiMasoyi kwakuhlala intombazana ehlakaniphileyo enguNomsa.
-
Wayehlala noMakhulu wakhe owayengumlimi wombona.
-
Abantu abaninzi kule lali babengakwazi ukufunda nokubhala. Babephila ngokulima.
1
UNomsa wayethanda ukuya esikolweni, yaye uMakhulu wakhe wayezingca ngaye.
-
Yonke imihla xa avela esikolweni uNomsa, uMakhulu wakhe wayemnika imisebenzi amakayenze.
-
Kwakufuneka agxothe iinkawu neentaka ezazifuna ukutya umbona nezinye izityalo.
2
UNomsa wakubona kunzima ukugxotha iinkawu neentaka ngazo zonke iimvakwemini.
-
Wayesoloko engenaxesha lokuwugqiba umsebenzi wakhe wesikolo.
-
Abantwana abaninzi elalini babengayi esikolweni, kwakufuneka babe semasimini imini yonke.
3
Ekuhambeni kwexesha uNomsa waya edinwa ngokudinwa kukugxotha iintaka neenkawu emasimini.
-
“Ndinengcinga ebonisa ukuhlakanipha,” wacinga ngolo hlobo.
4
UNomsa wahlanganisa izinti wazibopha ngenyameko. Wazisongela izinti ngehempe yakhe yokusebenza waza wabophelela umbindi wenyanda ngombhinqo wakhe.
-
Wazimisa nkqo izinti waza wabeka umnqwazi wakhe womsebenzi phezu kwazo. Yayisisoyikiso eso!
5
UNomsa wasibeka isoyikiso phakathi entsimini yombona.
-
“Oku kuza kuthatha indawo yam xa ndisenza umsebenzi wesikolo. UMakhulu uza kucinga ukuba ndisentsimini,” uNomsa wazincumela.
6
Yonke imihla wayethatha ngokufihla ibhegi yakhe yesikolo aye nayo emasimini.
-
Wayehlala ngempahla yesikolo anxibise isoyikiso iimpahla zakhe zokusebenza.
-
Emva koko wenza umsebenzi wakhe wesikolo esemthunzini womthi.
7
Ngokuhamba kweentsuku uNomsa wacinga, “UMakhulu akasoze alibhaqe eli cebo lam lokuhlakanipha.”
-
UNomsa wayonwabile kunjalo emangalisekile kwangelo xesha linye.
-
Iinkawu neentaka azizange ziye entsimini yombona.
8
Ngenye imini emva kwemini uMakhulu kaNomsa waya emasimini efuna umbona omtsha.
-
Kwakuthe cwaka entsimini. Zazingekho iinkawu neentaka.
-
UMakhulu wazicingela, “UNomsa wenza umsebenzi omhle.”
9
UMakhulu wakhwaza, “Nomsa! Nomsa! Uphi?”
-
Kwakungekho mpendulo.
-
Wada wasibhaqa isoyikiso embindini wentsimi sinxibe iimpahla zikaNomsa!
10
Xa uMakhulu wayekubhaqile oko kwenziweyo nguNomsa, waba nebhongo ngomzukulwana wakhe.
-
Wacinga uMakhulu, “Oku kukuhlakanipha. Akukho mfuneko yokuba umzukulwana wam makaye emasimini ayokugxotha iinkawu neentaka.”
11
Bonke kule lali baqalisa ukusebenzisa icebo lokuhlakanipha likaNomsa. Bonke baqala ukusebenzisa isoyikiso emasimini abo.
-
Isoyikiso sasigxotha iinkawu neentaka zisuke emasimini.
-
Bonke abantwana belali bakwazi ukuya esikolweni.
12
Your attribution should include the following:
Title
: UNomsa ohlakaniphileyo
Author/s
: Zandile Malaza
Translator/s
: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s
: Simon Mokoena
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator