UAsnath Mahapa ubhabhela phezulu
Sara Lekganyane
Khanyisa Masemola


ULebo waba nodliwanondlebe noKapteyini Asnath Mahapa esenzela imagazini yakhe yesikolo.
-
Unemincili yokudibana nomfazi wokuqala omnyama ongumqhubi nqwelomoya.
-
“Mholo, Kapteyini Mahapa! Wamkelekile kudliwanondlebe lwethu,” wabulisa.
-
“Ewe, ndiyabulela. Ndicela undibize ngegama uthi Asnath,” watsho u-Asnath.
1
Ndicela undixelele ngeminyaka yobutsha bakho,” watsho uLebo.
-
Waphendula uAsnath wathi, “Ndazalwa ngonyaka we1979 kwiphondo iLimpopo eMzantsi Afrika.
-
Apho ndikhulele khona kwakungekho manzi abalekayo nambane. Sasifunda sikhanyise ngamakhandlela.”
2
“Waqala nini ukuba nomdla kwiinqwelomoya nokubhabha?” wabuza uLebo.
-
“Ndaqala ukuba nomdla weenqwelomoya xa ndandineminyaka eli13.
-
Ngexesha ndisesinaleni ndaqala ukufunda iimagazini ezingokubhabha. Yaqala ngolo hlobo yonke le nto,” utshilo ngelikhumbulayo uAsnath.
3
“Lwakhula njani olu thando lokubhabha?” wabuza uLebo, ebhala amanqaku.
-
“Ndandidla ngokumangaliswa kukuba into enkulu nenzima kangaka ihlala njani phezulu emoyeni! Ndandifuna ukwazi ngakumbi ngokubhabha kwenqwelomoya,” waphendula uAsnath.
4
Umbuzo olandelayo kaLebo ngowokuba, “Zeziphi izifundo ekufuneka sizithathe xa sifuna ukuba ngabaqhubi beenqwelomoya?”
-
UAsnath wachaza ukuba iMathematika neNzululwazi zizifundo ezibalulekileyo.
-
“Uye ubhabhe iiyure ezininzi ukuziqhelisa phambi kokuba ufumane iphephamvume lakho lokuba ngumqhubi weenqwelomoya,” wongeza ngelitshoyo.
5
ULebo wabuza eminye imibuzo ngokufundela ukuba ngumqhubi wenqwelomoya.
-
UAsnath ephendula, “Ukuze ube ngumqhubi wenqwelomoya kufuneka uwazi amanani nokubala.
-
Ukufundela ubunjineli kukufundisa indlela inqwelomoya esebenza ngayo. Ubunjineli busekwe kwiNzululwazi neMathematika.”
6
“Usakhumbula mhla wawubhabha okokuqala? Mna ndiyakoyika ukubhabha!” watsho uLebo.
-
Waphendula UAsnath wathi, “Yhoo! Ndandinesiyezi intloko yam yayijikeleza. Kodwa zange ndinikezele.
-
Ngoku ndibhabha ndiye kumazwe amaninzi ahlukeneyo kwaye ndifunde nangeenkcubeko ezahlukeneyo.”
7
“Ifanele ukuba mnandi loo nto!” wadanduluka uLebo. “Ungandixelela ngakumbi ngendlela ezibhabha ngayo iinqwelomoya?”
-
UAsnath wachaza wathi, “Umoya odlula emaphikweni enqwelomoya wenza amandla athi ayityhalele phezulu inqwelomoya.
-
Amandla avela kwinjini ayityhalela phambili inqwelomoya.”
8
“Inika umdla kakhulu le nto uyithethayo,” watsho uLebo. “Ingaba waba neengxaki ekubeni ngumqhubi wenqwelomoya?”
-
“Ewe, imingeni yayimininzi! Ndaxelelwa ukuba ndimfutshane gqitha. Bathi iziqinisekiso zam azikho mgangathweni wanelisayo.
-
Kananjalo ukuqhuba iinqwelomoya akufanelanga bantu babhinqileyo.”
9
ULebo ubuzile, “Wazisombulula njani ezo ngxaki?
-
“Ndalwa ukuze utshintshe umthetho ongesithomo somqhubi wenqwelomoya. Ndabuyela kwisikolo sokubhabha ndaza ndafumana amanqaku aphezulu.
-
Ndandifuna ukubonisa ukuba abantu abahinqileyo bangawenza lo msebenzi!” waphendula uAsnath.
10
ULebo unqwalile waza uAsnathi waqhuba, “Ndafunda ukuba xa umise ingqondo akusoze ungayifezekisi iminqweno yakho.
-
Ndazifundisa ukungamameli nje nabani na othi andinakukwazi ukuyenza into. Kwaye abantu ababhinqileyo bangenza nantoni na enokwenziwa ngamadoda.”
-
ULebo wathi, “Yinyaniso leyo!”
11
“Yintoni ozingca gqitha ngayo?” ubuzile uLebo.
-
“Ndandineminyaka engamashumi amabini xa ndandilungele ukuba libhinqa lokuqala elingumntu omnyama ukuba ngumqhubi wenqwelomoya.
-
Kwaye ndandiyinxalenye yenqwelomoya yokuqala ebhabha neqela lababhinqileyo bodwa. Ndizimisele kakhulu ukukhuthaza amantombazana ukuba afunde iNzululwazi.”
12
ULebo uthi, “Ngelishwa, sesishiywe lixesha. Enkosi ngodliwanondlebe.
-
Usibonisile ukuba xa umntu ezimisele kwaye esebenza nzima, angaya kude!”
-
UAsnath uphendule encumile, “Enkosi Lebo. Bekumnandi ukuthetha nawe!”
13

Imibuzo


  1. Ngobani aba bantu babini bakweli bali kwaye bathetha ngantoni?
  2. Kutheni uLebo esenza olu dliwanondlebe nje?
  3. Yintoni eyenza uAsnath afune ukuba ngumqhubi wenqwelomoya? Zoba inqwelomoya inawe ngaphakathi njengomqhubi wayo.
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15


Le ncwadi iqulunqwe yaze yabhalwa ngeSepedi, njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex Ulwazi Lwethu ka-2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: UAsnath Mahapa ubhabhela phezulu
Author/s: Sara Lekganyane
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator