Please view the book
in landscape mode.
Igubu likaMagezi
Hlekane Paulinah Baloyi
Nceba Bhengu
UMagezi uqalisa ukubetha igubu lakhe elimnyama namhlophe.
1
Abantwana bayaqokelelana bamngqonge.
-
Bacula kunye negubu.
2
Bacula besithi, “Kanti uMasigitani lo utshate nabani? Utshate noMfanakuloni.”
3
Abafazi bayatyityimba xa besiva eli gubu.
4
Amadoda ayaxhentsa aphakamise iingalo amise iminwe ebonisa inani leenkomo zawo.
5
UMudungwazi ugungquzisa amehlo enze umxhentso wakhe ohlekisayo.
6
Amadoda akhulileyo abetha imilozi aze ageqezise iintloko zawo kwisandi segubu.
7
Abafazi abakhulileyo batshikizelisa izinqe zabo baze bayiyizele.
-
Wonke umntu uyakonwabela ukubethwa kwegubu likaMagezi.
8
Your attribution should include the following:
Title
: Igubu likaMagezi
Author/s
: Hlekane Paulinah Baloyi
Translator/s
: Sheila Mandlate
Illustrator/s
: Nceba Bhengu
Assurer/s:
Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator