UKatana noNonjana ngabahlobo
Yamkela Mbhele
Busisiwe Ndlovu
UNonjana noKatana ngabahlobo abakhulu.
-
Ngaminazana ithile bagqiba ekubeni bandwendwele umhlobo wabo uNkuku, ngosuku lwakhe lokuzalwa.
-
UNkuku wayehlala kwilali ekude lee, kwaye kuthatha iimini ezimbini zohambo ukuya apho.
1
Aba babini, nangona bebengabahlobo abakhulu nje, babohluke kakhulu. UNonjana wayekuthanda ukulala nokutya, kwaye wayenokungathembeki ngamanye amaxesha.
-
Kanti yena uKatana, wayelungile, enobubele, kwaye engumhlobo onokuthembela kuye.
-
Kungoko abahlobo bagqiba ekubeni balale kwaNonjana ukuze babonisane ngohambo lwabo.
2
“Mna ndiza kuphatha ukutya esiza kukutya ngosuku lokuqala,” watsho uNonjana.
-
“Mna ndiza kuphatha ukutya kosuku lwesibini,” watsho uKatana evuma.
-
Babhala phantsi yonke into ukuze bangalibali.
3
“Kwakuba mnandi ukubona uNkuku kungekudala. Samgqibela kudala umhlobo wethu, lide eli thuba singasabonani,” watsho uNonjana ekhapha umhlobo wakhe, ebuyela endlwini yakhe.
-
“Enkosi ngokundikhapha,” watsho uKatana.
4
Bavuka ekuseni ngosuku olulandelayo baqalisa uhambo lwabo.
-
Endleleni babedlala becula bedanisa.
-
Bathi bakuziva bediniwe baphumla phantsi komthi. “Phaka ndilambile,” watsho uKatana kuNonjana.
5
UNonjana wakhupha izitya ezibini aza kuphakela kuzo. Waqalisa ukuphaka loo nxavunxavu yokutya ngokungxama.
-
“Kukutya kwethu oku?” wabuza uKatana ukudana kudibene nomsindo.
-
Kwakumcaphukisa ukubona ukuba umhlobo wakhe uzophule izicwangciso zabo. Wadana uKatana yile nto akakutya noko kutya.
6
“Ulindeni?” wabuza uNonjana. Wayenethemba lokuba uKatana uza kuyeka ukukhalaza, atye.
-
“Kutheni uziphathele ukutya okutyiwa nguwe wedwa?” wabuza uKatana ecaphukiswa ngumhlobo wakhe.
-
Esatya njalo, nangenxa yokuphanga namafutha ayegcwele isandla sakhe, saqubudeka isitya sakhe. Kwachitheka konke oko kutya.
7
“Kulungile mhlobo wam,” uKatana watsho.
-
UKatana wavula ingxowa yakhe yokutya. Wakhupha amaqebengwana amahle nabonakala emnandi, waza watya.
-
Ngelo xesha uNonjana wayejonge ukutya kukaKatana ngamehlo arhalayo. Akugqiba ukutya uKatana, waqokelela izinto zabo wathi, “Singahamba ke ngoku siqhubeke nohambo lwethu.”
8
Ukusukela apho baqhubeka nohambo lwabo kungekho uthetha nomnye. Isisu sikaNonjana sasingxola liphango.
-
Ngobo busuku, uKatana waziphakela ukutya kwakhe walala, evuya kuba eziphathele ukutya okwaneleyo.
-
UNonjana walala engatyanga.
9
Ngosuku olulandelayo, uKatana watya intwana yokutya phambi kokuba bahambe. UNonjana wayenganakuzinceda wayemana ukujonga ukutya kukaKatana.
-
UKatana wanika uNonjana ukutya. “Ndicela uxolo. Ndenze ububi,” watsho uNonjana. UKatana waphendula wathi, “Masitye kunye.”
-
Bahlala phantsi aba bahlobo batya.
10
Baqhubekeka nohambo lwabo, yangathi khange baxabane.
-
Bafika kulo mhlobo wabo ngorhatya.
-
“Nihambe njani zihlobo zam?” ubuzile uNkuku wakubabona.
-
“Sihambe kakuhle kakhulu,” baphendula ngaxeshanye, bencumelene
11
Bacula! Badanisa! Batya!
-
Laba mnandi kakhulu elo theko lokuzalwa.
12
Your attribution should include the following:
Title: UKatana noNonjana ngabahlobo
Author/s: Yamkela Mbhele
Translator/s: Yamkela Mbhele
Illustrator/s: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator