UKumkanikazi onobulumko
Tshedza Tlhako
Busisiwe Ndlovu
UKumkanikazi Lufuno wayephethe isizwe sendawo eyiRoswika.
-
UKumkanikazi Lufuno wayengumlawuli oluncedo nowayelungile.
-
Wayenobulumko kakhulu kananjalo.
1
UKumkanikazi wayebaphethe bonke abantu eRoswika ngokulinganayo.
-
Njengembuyekezo, abantu babemthanda kakhulu.
-
UMaluṱa wayengomnye awayemthembe kakhulu kubacebisi bakhe.
2
Umyeni kaMaluṱa, okwanguTshidino, wayengakuthandi oku kulunga kukaKumkanikazi Lufuno. Wayengayithandi le ndlela abantu bamncoma ngayo.
-
Wathi, “Yintoni le uLufuno anayo mna endingenayo? Ndingalawula ngendlela ephucukileyo kunokuba elawula uKumkanikazi.”
3
Ngenye imini uKumkanikazi Lufuno noNkosikazi Maluṱa babebonisana ngeyona ndlela iphucukieyo yokunikezela ngamanzi ebantwini.
-
Babengavumelani kunjalo benkxambulisana ngamandla.
4
Yamcaphukisa uNkosikazi Maluṱa le mpikiswano. Akufika emzini wakhe waya ngqo kumyeni wakhe.
-
“Mna noKumkanikazi Lufuno asivumelani ngendlela yokunikezela ngamanzi ebantwini,” watsho ehlabekile.
5
UTshidino wacinga, “Bendinokuqhuba ngendlela ephucukileyo ukuba bendingukumkani.”
-
Walukhuthaza uvakalelo lokunganeliseki kwenkosikazi yakhe zizimvo zikaKumkanikazi ezazivakala zingalunganga nakuye uTshidino.
6
Ngemini elandelayo uTshidino wabizela abantu belali kwintlanganiso.
-
Wathi kubo, “Asinakuphathwa ngumfazi. Ndingangukumkani ophucukileyo kunaye.”
7
Abantu ababekule ntlanganiso bawacingisisa amazwi kaTshidino.
-
Abazange bavumelane naye.
8
Wathi omnye, “Ikumkanikazi inovelwano. Wakhele abantwana bethu izikolo.
-
Omnye wathi, “Sinemihlaba yokulima nokufuya, yaye uyaqinisekisa uKumkanikazi ukuba wonke umntu unamanzi. Uyinkokeli nomlawuli olungileyo.”
9
Umntu wesithathu wathi, “Sasilawulwa ngabantu abohlukeneyo. Andizange ndimbone umntu ofana noKumkanikazi Lufuno ngokuba nobulumko. Iikumkani ezivela kwezinye iindawo ziza apha kuKumkanikazi wethu zizokufuna iingcebiso kuye.”
10
Akuva oku uTshidino wagoduka enomsindo.
-
UMaluṱa wathi kuye, “Abantu baseRoswika bathethile. Kufuneka uyamkele iminqweno yabantu.”
11
Akuva oku uKumkanikazi wancuma.
-
Akazange amohlwaye uTshidino kuba wayezazi ukuba uphumelele.
-
Xa abantu benoxolo, bephumelele yaye bonwabile, baza kusoloko bezixhasa iinkokeli zabo.
12
Your attribution should include the following:
Title: UKumkanikazi onobulumko
Author/s: Tshedza Tlhako
Translator/s: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator