UAndile Mji ingcaphephe yamanani
Glanice Masilo
Kamogelo Matlawe


U-Andile Mji uyincutshe kwizibalo.
-
Eli libali elingo-Andile Mji eseyinkwenkwana, nokuba wenza njani ukuze awathande amanani.
1
UAndile wazalelwa eBhayi (eGqeberha) eMpuma Koloni.
-
Wayehlala nomama kunye notata wakhe kwilokishi iNew Brighton.
-
Kufutshane naseBhayi (naseGqeberha) kwakukho ilali ekwakusithiwa yiTyeni apho kwakuhlala khona uTatomkhulu wakhe.
2
UAndile wayekuthanda ukundwendwela uTatomkhulu wakhe owayenobuhlanti beenkomo. UTatomkhulu wayedla
-
ngokumbalisa imfuyo esebuhlanti ambuze, “Zingaphi iinkabi? Mangaphi amathokazi? Zingaphi iinkomo zizonke?”
-
UAndile waqala wafunda ukubala ayokutsho kwishumi ngeminwe yakhe, waza wagqithela kuma20 ngeenzwane zakhe! Emva koko wafunda nokubala ngezihlanu.
3
Babevuswa kukukhala komqhagi ekuseni ngentsimbi yesihlanu. Yayilixesha lokuya kusenga iinkomo.
-
Emva kwexesha elithile babezikhaphela ziye edlelweni kwintaba ekufutshane ziyokutya iinkomo.
-
Babejonga ilanga ukuze bazi ukuba kuxesha liphi.
4
Emini emaqanda ngentsimbi yeshumi elinambini uTatomkhulu wakhe wayedla ngokumbiza ayokutya.
-
Wayesazi ukuba lixesha lokugoduka xa lisiya kutshona ilanga.
-
Wayedla ngokuzibala iinkomo phambi kokuba agoduke, ukuze azazi ukuba ziphelele.
5
Wathi xa eqalisa isikolo uAndile, utata wakhe wamthengela iwotshi.
-
Iwotshi yakhe wayedla ngokuisebenzisela ukubala ngezi2, ngezi3 nangezi4.
-
Iwotshi yakhe yayinamanani aqala kwisinye ayokutsho kwishumi elinambini.
-
UAndile wayekwazi ukufunda ixesha ngeentsiba zewotshi yakhe. Wayekwazi ukubona iyure, icala emva kweyure kwanemizuzu.
6
UAndile wayekwazi ukubala amanani ngentloko.
-
Wayekwazi nokubala aye phambili aze abuye umva ngentloko.
-
Xa iinkomo zizele uAndile wayekwazi ukuphindaphinda abale amathole.
-
Wayekwazi ukubala iintsuku zeveki neenyanga zonyaka azibize ngamagama ngokulandelelana kwazo.
7
NgooLwezihlanu wayepakisha ibhegi yakhe andwendwele uTatomkhulu wakhe, ahlale uMgqibelo neCawa, aze agoduke ngoMvulo abuyele esikolweni.
-
Ukuvalwa kwezikolo wayendwendwela uTatomkhulu.
8
Ukuqala kwakhe ukuya esikolweni uAndile, babesebenzisa amatye nezinti xa bebala.
-
Wayesebenzisa iminwe yakhe xa wayebhala phantsi emhlabeni. Wayeziqhelisa ukudibanisa amanani emhlabeni.
-
Igumbi labo lokufundela laliphantsi komthi. Xa imvula isina babengakwazi ukuya esikolweni.
9
Yathi yakukhula inkwenkwe yaseNew Brighton, yaya eYunivesithi ukuya kufundela iMathematika. Wafunda iminyaka emininzi.
-
UNjingalwazi Mji usebenza kwicandelo lezibalo elibizwa ngokuba leleenkcukachamanani.
-
Usakwazi ukuchaza ixesha ngokulijonga elangeni njengoko wayesenza kwixesha langaphambili.
10
Namhlanje uAndile unguNjingalwazi Mji. Usebenzisa iminwe yakhe xa echwetheza kwikhompyutha.
-
Usebenzisa amanani neegrafu ukubalisa amabali. Usebenzisa imathematika xa esombulula iingxaki.
-
Usebenzisa iinkcukachamanani ukuphendula imibuzo efana nokuthi, ‘uthini umndilili weminyaka yabantwana kwesi sikolo?’
11
UNjingalwazi Mji usebenza ngeekhompyutha namanani.
-
Uthi, “Iikhompyutha ziluncedo kakhulu, kodwa ngamanye amaxesha ziyaphahlaka. Ulwazi lwam ndilugcina apha kum entloko kude kube sekugqibeleni.
-
KwiMathematika akukho nto itshintshayo. Amanani ahlala enjalo.”
12
UNjingalwazi Mji unomyalezo wakho:
-
“Xa ufuna ukwazi iMathematika, kufuneka uziqhelanise nokusebenza ngamanani. IMathematika ifuna wazi ‘indlela yokwenza’.
-
IMathematika ziindlela zokwenza. Kufuneka ufunde ukucinga ngamanani. Ngokwenza njalo, uyakuba liqhawe!”
13

Imibuzo


  1. UAndile waqala njani ukufunda ngamanani nangokubala?
  2. Ingaba kubalulekile ukwazi iMathematika ngaphandle kokusebenzisa ikhompyutha nekhaltyhuleyitha? Yixhase impendulo yakho.
  3. Bala uyokufika kwi12 ngeziphindwa zesi2, emva koko ngezesi3 nezesi4. Wakugqiba bala ubuye umva!
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • UAndile Mji
  • UAsnath Mahapa
  • UBongani Mayosi
  • UCharlotte Maxeke
  • UMmantsane Moche Diale
  • UMulalo Doyoyo
  • UTebello Nyokong
  • UTshilidzi Marwala
15


Eli bali liyilwe laze labhalwa ngeSetswana, njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex, Ulwazi Lwethu ka-2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: UAndile Mji ingcaphephe yamanani
Author/s: Glanice Masilo
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Kamogelo Matlawe
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator