USuku loLutsha
Zandile Malaza
Simangaliso Sibiya


EMzantsi Afrika, umhla we16 kweyeSilimela yiholide ebizwa ngokuba luSuku loLutsha.
-
Eli bali lingembali yale holide, nokwezekayo ngalo mini yonyaka we1976.
1
“Niyazi na ukuba kwenzeka ntoni ngoSuku loLutsha ngonyaka we1976?” wabuza uMakhulu kubazukulwana bakhe, uBuhle noVusi.
-
“Kwenzeka imbali ngomhla we16 kweyeSilimela eSoweto!” wabaxelela watsho.
2
“Kwakungentseni yomhla we16 kweyeSilimela ngomnyaka we1976.
-
Yayingunyaka wam wokugqibela esikolweni.
-
Ngaloo mini yatshintsha imbali,” waqhuba watsho uMakhulu?
3
“Sasingabafundi bezikolo ezahlukeneyo eSoweto.
-
Sasiceba ukwenza umngcelele osuka ezikolweni zethu uye kwibala lemidlalo laseOrlando. Sasicebe umngcelele ozolileyo.”
4
“Yayingumngcelele wantoni?” wabuza uBuhle.
-
Wachaza wathi uMakhulu, “Urhulumente wocalucalulo wayesinyanzelisa ukuba sifunde ngesiBhulu. Sasiwuchasile loo mthetho.
-
Sasivutha ngumsindo!”
5
“Sathatha isigqibo sokukhulula abafundi abamnyama eMzantsi Afrika.
-
Sasifuna imfundo engcono.
-
Sasifuna imfundo elinganayo yomntu wonke eMzantsi Afrika.”
6
“Kwaze kwenzeka ntoni?” wabuza uVusi.
-
“Senza umngcelele saya kwibala lemidlalo laseOrlando apho sasiya kuhlangana khona.
-
Kwangenelela amawakawaka abafundi. Sasinemincili!” watsho uMakhulu ekhumbula
7
“Sisahamba njalo sahlaselwa ngamapolisa!
-
Asigibisela ngezintywizisi. Izinja zawo zasihlasela!
-
Sazama ukuzola saqhubeka nokuhamba.”
8
“Aqala ke ukusidubula amapolisa!
-
Kukho umfanekiso odumileyo owothusa umhlaba wonke.
-
Umfanekiso kaHector Pieterson ephethwe ngumhlobo wakhe,” watsho uMakhulu elusizi.
9
“Yaphela njani?” babuza uBuhle noVusi besebeza.
-
UMakhulu waphendula, “Ukuqhankqalaza kwaseSoweto kwanwenwela kwilizwe lonke.
-
Kwangenelela abafundi abaninzi nabasebenzi.”
10
“Uqhankqalazo lwaseSoweto lwabaluleka ekulweni ubandlululo. Loo mini sayithiya sathi ‘Lusuku lwaseSoweto’. Lwenziwa usuku lweholide ngonyaka we1995.
-
Kwiminyaka yoo1990 kwakuboniswa imifanekiso yobugcisa echulumancisayo engale mini yoqhankqalazo lolutsha,” wakhumbula uMakhulu.
11
“Minyaka le ngolu suku loLutsha abemi baseMzantsi Afrika banika imbeko kulutsha olwabulawa kuqhankqalazo lwangonyaka ka1976.”
-
“Sikhumbula ulutsha olwaba nenxaxheba ekupheliseni ucalucalulo,” watsho ngokuzingca uMakhulu.
12
“Ngosuku loLutsha kubakho iziganeko, iintlanganiso kwakunye neekonsathi kwilizwe jikelele.”
-
“Kufuneka singayilibali imbali yelizwe lethu,” wagqibela ngelitshoyo uMakhulu.
-
Wancuma uMakhulu watsho esanga uBuhle noVusi.
13

Imibuzo


  1. Ngubani obalisa ibali, ingobani abamameleyo? Ukwazi njani oku?
  2. Babematshela phi abantwana baseSoweto ngomhla we16 kweyeSilimela ngo1976.
  3. Babematshela ntoni?
  4. Waqala nini ukwenziwa iholide umhla we16 kweyeSilimela, kwaye kwakutheni?
14

Iincwadi ezikolu luhlu


  • USuku loLutsha
  • USuku looMama
  • USuku loXolelwaniso
  • USuku lwaBasebenzi
  • USuku lwamaLungelo oLuntu
  • USuku lweNkululeko
  • USuku lwezaMafa
15


Eli bali liyilwe laze labhalwa ngesiSwati njengenxalenye yeprojekthi yezixhobo zokufunda yeZenex, Ulwazi Lwethu ka2020.
16
Your attribution should include the following:
Title: USuku loLutsha
Author/s: Zandile Malaza
Translator/s: Sheila Mandlate
Illustrator/s: Simangaliso Sibiya
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator