Please view the book
in landscape mode.
Ingxabano phakathi kwabantu neenyoka
Tshepiso Mogaswa
Adonay Gebru
Kudaladala kwakukho umfana onguMosimane.
-
Wayebathanda abantu ethetha nabo ngesimilo. Wayekuthanda ukuya kuphumla ngasemlanjeni.
-
Ngenye imini eselapho emlanjeni wadibana nenyoka.
1
“Molo Nyoka,” watsho uMosimane.
-
“Molo Mhlekazi,” waphendula uNyoka.
-
Unyoka waxelela uMosimane ukuba angamenza abe sisityebi. Kwakufuneka nje uMosimane athathe uNyoka ambeke entloko kuye aye naye kwindawo ayikhethileyo.
-
Wayekhangeleka ethembekile uNyoka.
2
UMosimane wayengumntu olungileyo. Wavuma ukuyithwala ayibeke entloko le nyoka.
-
Yena noNyoka bawuwela umlambo.
3
Kwakuwelelwa kwelinye icala lomlambo, uNyoka wacela ukuba bobabini mababe ngabahlobo njengoko iinyoka zingenabahlobo kakade.
-
Engakhange athandabuze uMosimane wathatha ngokuvuma.
-
Endleleni badibana noNgcuka.
4
“Molweni bantu bam,” watsho uNgcuka.
-
“Molo Mnumzana Ngcuka,” UMosimane noNyoka bavuma ngaxeshanye.
-
“Niyaphi?” wabuza uNgcuka.
-
“Siya kwindawo endithanda ukuba siye kuyo,” waphendula uNyoka. UNgcuka wayemangalisiwe.
5
“Ufumana umvuzo ophucukileyo ngokumbeka kwintloko yakho uNyoka?” UNgcuka wayebuza kuMosimane.
-
UMosimane zange axelele uNgcuka ngento athenjiswe ngayo nguNyoka.
-
Baqhubela phambili ngohambo lwabo uMosimane noNyoka.
6
Kolo hambo lude lwasematyholweni waziva ediniwe uMosimane.
-
Badibana noMalume Dyakalashe esecaleni komthi owawunomthunzi.
-
UMalume Dyakalashe wayejongisisa lo Nyoka wayezisongele kwintloko yalo mfana. Zange ayikholelwe loo nto wayeyibona. Waqalisa ukuhleka.
7
UNyoka wakhalimela uMalume Dyakalashe esithi,
-
“Uhleka ntoni? Kanti oku kuhleka kwakho kungasixabanisa!”
-
“Mna noNyoka singabahlobo bokwenene!” UMosimane wamxelela ngolo hlobo uMalume Dyakalashe.
-
Kangangexesha elifutshane wacingisisa uMalume Dyakalashe. Emva koko waqalisa ukuthethela phantsi.
8
Nyoka, suka entlokweni yam ukuze ndimve kakuhle uMalume Dyakalashe,” watsho uMosimane.
-
Waqhuba esithi, “Nyoka, ndikuthwele ndakuwezela kwelinye icala lalo mlambo, kude kwalapha ndisakuthwele. Uphi umvuzo wam? Bendicinga ukuba singabahlobo.”
9
Wabuza uMalume Dyakalashe, “Wena akwazi ukuba iinyoka azithembekanga?”
-
UNyoka wakuphawula ukuba uMosimane ucaphukile, kwangoko wanyubelezela kwelo hlathi wabashiya.
-
Wagoduka uMosimane wafika wabachazela abantu ngale nyoka.
-
Kude kube namhlanje, akakho umntu ozithembileyo iinyoka.
10
Your attribution should include the following:
Title
: Ingxabano phakathi kwabantu neenyoka
Author/s
: Tshepiso Mogaswa
Translator/s
: Angelinah Dazela
Illustrator/s
: Adonay Gebru
Assurer/s:
Bukeka Mahlangabeza
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator