Please view the book
in landscape mode.
UJohn Kani owaba ngumdlali odumileyo weqonga
Ndivhuho Mutsila
Vusi Malindi
—
—
Le ncwadi yamabali ingoBonisile John Kani.
-
Wazalwa ngo-1943 eNew Brighton, ekwisixeko iGqeberha. Eselula, wayekuthanda ukudlala eqongeni, wayewathanda namabali.
-
Lo mfo waseMpuma Koloni, wakhula waba ngumdlali odumileyo ehlabathini, umbhali nomlawuli kwezeqonga!
1
Umakhulu kaJohn nguye owamsondezayo emazisa ngamabali. Wambalisela amabali amaninzi ezithethe, wamfundisa nokwenza amabali.
-
Yonke imihla ngokuhlwa, phambi kokuba kulalwe, umakhulu kaJohn wayebalisa amabali.
-
Yayingamabali oyikisayo amalunga negqwirha elalinamazinyo amade neenzipho ezinde!
2
Ngenye imini umakhulu wacela uJohn ukuba makambalisele ibali.
-
Waqalisa ngokuthi, “Ngaxa lithile, kwakukho ixhegokazi elalisoloko lifuna abantwana balibalisele amabali!”
-
UJohn kwakumonwabisa ukwenza amabali. Waqalisa ukuthatha inxaxheba emidlalweni esikolweni.
-
Umdlalo weqonga libali elinabalinganiswa abathatha inxaxheba.
3
Abadlali bangawaguqula amazwi abo bazenze abantu abahlukileyo. Bangaziindidi zabalinganiswa emidlalweni yeqonga kwiifilimu nakwimiboniso bhanyabhanya.
-
Eselula uJohn wayebukela iifilimu nabahlobo bakhe ababengasiqondi kakuhle isiNgesi.
-
Intetho yesiNgesi uJohn wayeyitolikela kulwimi oluthethwa ngabahlobo bakhe ababengabalinganiswa abahlukileyo.
4
Akuphumelela esikolweni seMfundo ePhakamileyo, uJohn waba ngumsebenzi efektri.
-
Wazibandakanya neqela labadlali beqonga ababekweminye imisebenzi. Abaninzi kubo yayingabadlali beqonga abangabantu abaNtsundu.
-
Wathi uJohn, “Sasingengobadlali beqonga kuphela. Sasingamajoni eqonga. Sasisebenzisa ubugcisa ukuze sikhuze izenzo ezingalunganga.”
5
Ngelo xesha uJohn waba ngumhlobo omkhulu womdlali weqonga onguWinston Ntshona. Baqalisa bobabini ukuyila imidlalo yeqonga.
-
Kungoko babezibiza besithi bazi
‘Serpent Players’
. Umsebenzi wokuqala welo qela wawusemngxunyeni wenyoka ongenanto endaweni yokulondoloza izilwanyana zaseGqeberha.
-
Kungoko babezibiza besithi
bazi‘Serpent Players
’.
6
Iqela i‘
Serpent Players’
lasungulwa nguAthol Fugard owayengomnye wabadlali beqonga ekwangumbhali.
-
UJohn, uAthol noWinston basebenza kunye baseka imidlalo yeqonga emibini ekuqaleni kweminyaka yoo1970.
-
Le midlalo yayimalunga nempembelelo yokucinezelwa kwabantu abaNtsundu. Omnye umdlalo wawunesihloko esithi ‘
Sizwe Banzi is Dead’
ekubeni omnye wawunesihloko esithi ‘
The Island’
.
7
Umdlalo othi ‘
Sizwe Banzi is Dead’
wawumalunga Nomthetho wamapasi owawunyanzelisa ukuba umntu omnyama makabe nencwadana yokuzazisa ekwakusithiwa lipasi.
-
Ngokomdlalo lo, uSizwe Banzi akakwazi kusebenza ngoba akafumani mvume kwipasi lakhe. Umdlalo othi ‘
The Island’
umalunga namadoda amabini asesiQithini seeNtini entolongweni eyayidumile yamabanjwa ezopolitiko.
8
Ngo1975 eNew York, uJohn noWinston bazuza ii
Tony Awards
ngomdlalo othi ‘
Sizwe Banzi is Dead
’ nangalowo uthi ‘
The Island’
.
-
I‘Tony Award’
libhaso elibalulekileyo kumazwe ngamazwe elingomsebenzi obalulekileyo kwithiyetha. (Imidlalo yenzelwa ethiyetha.)
-
UJohn waqalisa ukusebenza nomlawuli wethiyetha onguBarney Simon.
9
EnoBarney baseka iLebhu yeMarket Theatre eyinxalenye yeMarket Theatre eRhawutini.
-
Kule Lebhu kuqeqeshwa abantu abafuna ukusebenza kwithiyetha, ingakumbi abazimisele kwimidlalo yeqonga.
-
Ngo2014 iMarket Theatre yaliguqula igama leyona ndawo inkulu yayiJohn Kani Theatre ngeenjongo zokumnika iwonga.
10
Ngo2002 uJohn wabhala umdlalo wakhe wokuqala weqonga owawusithi ‘
Nothing but the Truth
’ kwaye usekelwe wadlalelwa eMzantsi Afrika emva kweminyaka yengcinezelo.
-
Eminyakeni emininzi wayethatha inxaxheba emidlalweni yeqonga, kuquka nalowo uthi ‘
Othello’
owabhalwa nguWilliam Shakespeare, nalowo uthi
‘Miss Julie’
owabhalwa nguAugust Strindberg.
11
UJohn wathatha inxaxheba kwimidlalo eneziqendu kaMabonakude nakwiifilimu. Ngo2006 wayengumdlali ongu‘
King T’Chaka of Wakanda’
, kwifilimu ethi
‘Captain America: Civil War’
.
-
Emva kweminyaka emibini waphinda wadlala engu
‘King of Wakanda’
kwifilimu ethi
‘Black Panther’
.
-
UJohn wasazisa isiXhosa njengolwimi lwelizwe lengqikelelo ekuthiwa yiWakanda!
12
Ngo2005 uJohn wawongwa nge
‘Order of Ikhamanga’
nguRhulumente woMzantsi Afrika.
-
Eli wonga lelempumelelo ebalaseleyo kumabakala okuqingqa, umzekelo, kwithiyetha, kuncwadi, emculweni okanye kubhalo lwemibandela yamaphephandaba.
-
Nakwimihla esiphila kuyo, uJohn usabhala, usadlala emaqongeni, usenayo nempumelelo kwihlabathi lethiyetha.
13
—
—
Oku kokuthethwayo nguJohn Kani ngempumelelo yakhe:
“Ithiyetha, ukubhala nokudlala eqongeni kuyandivumela ndibalise ngokwenzekayo ngaphakathi kum, esazulwini somphefumlo wam.”
Ucinga ukuba uthetha ukuthini? Thetha nabanye ngale into.
14
—
—
Imibuzo
Ngubani owaphembelela uJohn Kani ukuze abalise amabali? Utsho kuba kutheni?
Nika inkcazela ngento eyenziwayo ngaba bantu ethiyetha: umdlali, umbhali, umlawuli.
Yayiyintoni imvelaphi yegama leqela labadlali beqonga elithi ‘
The Serpent Players’
?
Qondisisa ukuba likhona na iqela lethiyetha kwindawo enihlala kuyo.
15
—
—
Le ncwadi yamabali yenziwe yaza yabhalwa ngesiVenda njengenxalenye eyiprojekhthi yokufundwayo eyiZenex Ulwazi Lwethu ngo2021.
16
Your attribution should include the following:
Title
: UJohn Kani owaba ngumdlali odumileyo weqonga
Author/s
: Ndivhuho Mutsila
Translator/s
: Angelinah Dazela
Illustrator/s
: Vusi Malindi
Assurer/s:
Bukeka Mahlangabeza
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator