USello uthetha ngezandla
Tebogo Matshana
Tebogo Matshana
Udadewethu uSello akaziva izandi.
-
Uthetha ngezandla.
-
Xa sivuka siyabulisana.
-
Senza imiqondiso ngezandla sisithi, “Molo.”
1
Xa sityisa iintlanzi zethu, uSello uthetha nazo ngezandla.
-
Uthi, “Molweni, ninjani?”
-
Uthetha nazo ngeNtetho Yezandla.
2
Xa kukudala ndilinde ngaphandle kwegumbi langasese, ndiye ndidanyazise isibane kaninzi.
-
Ngaloo ndlela ndithi kuSello, “Kungena mna ngoku!”
3
Sitshayela isituphu sincothule nokhula egadini.
-
Ndithi kuSello ngezandla, “Jonga, umnyiki omncinci!”
-
Sifunda ngeminyiki esikolweni.
4
Ekuhambeni kwexesha kwangale mini umama uyasithuma.
-
Uthetha ngezandla athi, “Ndicela nithenge ubisi neswekile, ndiza kubhaka ikeyiki.”
5
Xa sifika endleleni, ndiqalisa ukuwela. USello undibamba engalweni. Uthetha nam ngezandla athi, “Yima! Kufuneka uqale ujonge!”
-
Evenkileni siyohlukana. USello ukhangela iswekile, mna ndikhangele ubisi.
6
Iswekile iphezulu kakhulu, uSello akafiki. Ucela umntu omdala ukuba amncede.
-
Kodwa lo mntu mdala akayiva iNtetho Yezandla.
-
USello umbhalela umbuzo wakhe kwinto yokubhala ayiphetheyo.
7
Ekhaya sibhaka ikeyiki nomama.
-
Xa ipholile siyayihombisa.
-
“Imnandi!” uSello utsho ngezandla njengoko esitya into yokuhombisa ikeyiki.
8
Senza iti size sinike umakhulu.
-
Umakhulu uthetha ngezandla athi, “Enkosi.”
-
Udadewethu uphendula ngezandla athi, “Kulungile.”
9
Emva kokuba kuphungiwe siqoqosha itafile.
-
USello uthetha ngezandla athi, “Nguwe ohlamba izitya!”
10
Ngobi busuku, sangana ngaphambi kokuba silale.
-
Sithetha ngezandla sithi, “Ulale kakuhle.”
11
INtetho Yezandla
-
INtetho Yezandla lulwimi olusetyenziswa ngabantu abangevayo. Kodwa wonke umntu angayifunda.
-
INtetho Yezandla iyafana nazo zonke iilwimi, qha ayinazandi.
12
Your attribution should include the following:
Title: USello uthetha ngezandla
Author/s: Tebogo Matshana
Translator/s: Sinazo Mgobozi, Bukeka Mahlangabeza
Illustrator/s: Tebogo Matshana
Assurer/s: Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator