Please view the book
in landscape mode.
INgwenya neNkawu zazingabahlobo
Ntombikayise Malaza
Sibusiso Khumalo
INgwenya neNkawu zazingabahlobo abakhulu.
-
INgwenya yayihlala emlanjeni.
-
INkawu yayihlala kumthi owawungasemlanjeni.
1
INgwenya yayisitya iintlanzi ezisemlanjeni.
-
INkawu yona yayisitya iziqhamo ezisemithini.
2
INgwenya yayigulelwa kakhulu ngumntwana wayo.
-
UMakhulu weNgwenya wayixelela wathi, “Sisibindi seNkawu kuphela esiya kunyanga umntwana.”
3
INgwenya yayimemela emzini wayo emlanjeni iNkawu.
-
INgwenya yathi mayibelekeke kuyo emqolo iNkawu.
4
Bathi besadada njalo, iNgwenya yaxelela iNkawu ngomntwana wayo ogula kakhulu.
-
“Sisibindi seNkawu kuphela esinokumphilisa,” yancwina kalusizi iNgwenya.
5
“Ngowundixelele phambi kokuba sisuke!” yatsho kalusizi iNkawu.
-
“Isibindi sam ndisigcina emthini, masihambe siyokusithatha,” yatsho.
6
INgwenya yadada yabuyela emva elunxwemeni.
-
INkawu yaxhuma yehla kumhlana weNgwenya yabaleka yakhwela emthini.
-
Yalinda iNgwenya.
7
Yalinda undolinda iNgwenya, yabe iNkawu ingabonakali nangetshengele.
8
Your attribution should include the following:
Title
: INgwenya neNkawu zazingabahlobo
Author/s
: Ntombikayise Malaza
Translator/s
: Sheila Mandlate
Illustrator/s
: Sibusiso Khumalo
Assurer/s:
Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator