Please view the book
in landscape mode.
UTsakani noonodoli bakhe bamaplanga
Hlongwani Hlongwani
Tebogo Matshana
UTsakani noonodoli bakhe bamaplanga
Pretty Neliswa Magangxa
Tebogo Matshana
Kudaladala kwilali iMbhokota eyayineentaba ezininzi, kwakuhlala intombazana encinane egama linguTsakani.
-
UTsakani wayengenabahlobo, lilonke wayesoloko elilolo.
-
Wayekhangela umntu anokubumba naye izidlalisi ukuze babumbe ngomdongwe iimbiza, iikomityi neemazi zeenkomo. Kwakungekho mntu anokudlala naye.
1
UMakhulu wakuqaphela oku waza wacinga, “UTsakani udlala ngamatye yonke imihla. Akulunganga oku. Ndiza kwenza icebo.”
-
UMakhulu wayekwazi ukukrola amaplanga. Wayekwazi ukwenza imifanekiso eqingqiweyo yeendlovu ezinkulu kwakunye neyabantu abadumileyo. UMakhulu wayesenza imifanekiso eqingqiweyo yayo nantoni na ayicingileyo.
2
Ngeli xesha uTsakani wayedlala ngamatye, uMakhulu wayesenza unodoli weplanga.
-
Unodoli weplanga wayengakwazi ukuhlala nokuhamba, kodwa wayekwenza oko xa ekufutshane noTsakani.
-
“Makhulu, uyeyona ngqanga,” watsho uTsakani ngomdla omkhulu evuya xa wayebona unodoli.
3
UMakhulu wamshiya uTsakani nonodoli weplanga ngeli xesha yena Makhulu wayesimka.
-
UTsakani wonwaba edlala ngonodoli weplanga. Noxa kwakunjalo uTsakani wakhawuleza wadikwa kwakhona.
-
Unodoli wayekwazi ukuhlala nokuhamba kodwa engakwazi ukuthetha.
-
Kwakungekho mntu anokuthetha naye uTsakani.
4
Lilonke uMakhulu wenza omnye unodoli owayekwazi ukuhamba, ukuhlala kwanokuthetha.
-
UTsakani wavuya kakhulu. Wadanisa eziva enoloyiso. Wada wathi, “Makhulu, uyeyona ngqanga, undonwabisile.”
-
Badlala bobabini lada latshona ilanga.
5
Kodwa unodoli weplanga wayengakwazi ukudanisa yaye uTsakani wayekuthanda ukudanisa.
-
Wayedanisa ngolonwabo noloyiso, ethanda nokudanisa ne ‘
xibelani’
.
-
Wayefuna ukujikajika nje, nanjeya, engayedwanga, wayefuna ukudanisa nomhlobo wakhe owenziwe ngamaplanga. Wayengekho omnye awayenokudanisa naye.
6
UMakhulu wayekwazi ukwenza nantoni na ngodongwe kwakunye neplanga.
-
Wenza omnye unodoli weplanga omhle owayenxibe amaso, izacholo, yaye ngokuqinisekileyo wayenxibe ne
xibelani
.
-
Lo nodoli weplanga wayenemibala emininzi. Wayekwazi ukuhamba, ukuhlala, ukuthetha kwanokudanisa.
7
Unodoli noTsakani babemamela iingoma baze badanise bekunye.
-
Ukususela ngaloo mini, xa engekho esikolweni uTsakani, wayedlala ngoonodoli bakhe bamaplanga abenzelwe nguMakhulu.
-
UTsakani wayengasenaso isizungu kwaphela
8
UMakhulu akubona indlela onwabe ngayo uTsakani, wenzela bonke abantwana elalini oonodoli bamaplanga.
-
Kananjalo wenza imifanekiso eqingqiweyo emininzi esenzela ukuhombisa.
-
Lonke ihlabathi lawubona umsebenzi omhle wezandla zikaMakhulu.
9
Your attribution should include the following:
Title
: UTsakani noonodoli bakhe bamaplanga
Author/s
: Hlongwani Hlongwani
Translator/s
: Pretty Neliswa Magangxa
Illustrator/s
: Tebogo Matshana
Assurer/s:
Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator