Utitshalakazi Mthetho ucacisa ngesifo sikaGawulayo
Ntombifuthi Ncwayiba
Simon Mokoena
USihle yinkazinyani eneminyaka esixhenxe.
-
Ufunda kwisikolo samabanga aphantsi.
-
Uphathiswa ukudla ngunina ukuya esikolweni.
1
Ngenye imini, abanye abantwana beza bahlala phantsi komthi babelana ngemiphako yabo.
-
USihle wayerhalela ukuhlala nabo, kodwa wayesoyika. Noko ngolusuku wayecinge uzozama.
2
USihle wasondela kubo, kodwa abantwana zange bathethe naye. Waze wemka ekhiyanxekile.
-
UNkosazana Mthetho, utitshalakazi wakhe, wabona ukuba uSihle ukhiyanxekile kwaye uyedwa.
3
USihle waxelela utitshalakazi, “Abanye abantwana abafuni kudla kwa nokudlala nam ngenxa yesifo endinaso.”
4
Bathe xa begqiba ukudla, utitshalakazi wabo wababiza wabatyela ngeendlela esithelela ngayo esisifo.
-
“Esi sifo sithelela xa umntu ekhwetshwe ligazi elinaso. Ukuze sikuchole esisifo kumele igazi elinaso lingene emzibeni wakho.”
5
Waqhubeka, “Ukudla, nokudlala kunye nokugangxana akusuleli esi sifo.”
-
“Ningadlala, nidle nigangxane,” waqhuba wabaxelela ngokubaluleka kokunanekelana.
6
Abantwana bagcoba ngokuva ngesifo uGawulayo akasuleli ngokudla nokudlala nomntu onaso.
-
Baatshwaca abafundi ngesenzo sabo baxolisa kuSihle.
7
Ukusukela ngeyo mini, uSihle wagcoba ukuba sesikolweni.
-
Wadlala khululekileyo nabanye abantwana.
8
Your attribution should include the following:
Title: Utitshalakazi Mthetho ucacisa ngesifo sikaGawulayo
Author/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Illustrator/s: Simon Mokoena
Assurer/s: Nobuntu Mazeka
Language: isiMpondo

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator