UTito neenkanyezi
Cebo Solombela
Tebogo Matshana
UTito nabahlobo bakhe babephandle ebusuku. Babezonwabele. Ngesiquphe, babona ukukhanya okunje ngeentlantsi zomlilo emoyeni.
-
Kwakukho ukukhanya okuqaqambileyo kwezinto ezincinane, zidanyaza kwindawo yonke ababekuyo.
1
Bakhanyisa iithotshi zabo, bezama ukubona ukuba ezi ntlantsi zivela phi na.
-
“Ingathi kusephupheni. Ingaba okwaa kukhanya kokwenyaniso? Zintoni ezi?” wabuza uTito.
-
“Mhlawumbi zizidalwa zemilingo,” watsho uNomalanga.
2
Ezi zidalwa zenza ukukhanya yayizizinambuzane.
-
Aba bahlobo baqala ngoku ukuleqa ezi nkanyezi, bezama ukuzibamba.
-
Babefuna ukuzijongela kufutshane ezi zinambuzane.
3
UTito wakwazi ukubamba izinambuzane ezimbalwa wazifaka ebhotileni.
-
“Zintoni amagama azo?” wabuza uSizwe, ejonga ebhotileni.
-
“Zikwenza njani okwaa kukhanya?” wabuza uTito.
4
“Esa sinambuzane yinkanyezi. Kwaye asiyompukane, nguqongqothwane,” watsho usisi kaTito omdala, uGcina.
-
“Ukukhanya kuvela emzimbeni wesi sinambuzane,” watsho.
-
“Ndafunda ngeenkanyezi esikolweni!” wongeza.
5
Inkanyezi ibuqala ubomi bayo ngokuba liqanda ekuthiwa yilava, ize iqandusele kwelo qanda. Iinkanyezi zobukhomokazi zibeka amaqanda azo emhlabeni.
-
La maqanda aqandusela phantsi komhlaba. La maqanda akhula abe ngooqongqothwane. Aba qongqothwane baphuma phantsi komhlaba beneempiko.
6
Olunye uhlobo lweenkanyezi lusebenzisa uphawu oluthile lwekhemikhali ukutsala amaqabane azo.
-
Umzimba wenkanyezi wenza ikhemikhali eyenza ukuba umzimba wayo ukhazimle. Zezi khemikhali ezenza ukukhanya. Ezi zinambuzane zikhangela oku kukhanya ukuze zifumane ezinye.
7
“Kowu unolwazi oluninzi!” watsho uTito kusisi wakhe.
-
UGcina waphendula, “Ndazi yonke into. Ngoku lixesha lokuya kulala, masiziyeke iinkanyezi zibhabhe.”
-
UTito wazivulela iinkanyezi ezikhazimlayo ukuba ziphume ebhotileni, zibhabhe kubusuku.
8
Your attribution should include the following:
Title: UTito neenkanyezi
Author/s: Cebo Solombela
Illustrator/s: Tebogo Matshana
Assurer/s: Bulelwa Nokele, Angelinah Dazela
Language: isiXhosa

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator