UFudo iqhawe
Ntombifuthi Ncwayiba
Khanyisa Masemola
Kudaladala, izilwani zaphelelwa ngamanzi.
-
Zazula zidwaduba zifuna iziziba ezingathola amanzi okuphuza kuzo. Zaadwanguza zancama.
1
Zaabiza imbizo kwathiwa zize zoonke izilwani, kuzoxelwa uba kudalwe lisu ukuze kubekhona amanzi okuphuza.
-
Zeza zoonke izilwani ngele koDyakalatshi owathi, “Unongeke ndiye kwakowo mhlangano unamafudo anukayo!”
-
Yazicunukisa izilwani lento ixelwa nguDyakalatshi.
2
Kumhlangano, zavuma izilwani kwathiwa makwembiwe umgodi omkhulu.
-
Inyamazana, yathi, “Umgodi wethu uzoba nzulu futhi abemkhulu. Nawugcwele soze siphinde siphelelwe ngamanzi.”
3
Zasina, zicula zihlonda, zaze zaashintshana ngokwemba.
-
Kwatsitsa amanzi egqabhuka emgodini lapho kade zisina khona, kwagcwala umgodi owo heziwembile.
-
Zaagcoba kakhulu tana,ngoba amanzi ezetholakala emgodini wazo henencasi engazange yelanywa ndawu.
4
Ngelinye ilanga, izilwani zaathola uba ikhona into eke yafika emanzini awo yawadunga.
-
Kwathiwe izilwani zizoshintshana ngokugada umgodi.
5
Ngegem yokuqala, kwaabekwa uMgwaja uba ugade. Kwafika uDyakalatshi ehamba edlala ugqaphu.
-
“Wenzani na?” uDyakalatshi waabuza.
-
“Ndigade umgodi wezilwani,” waachaza uMgwaja.
6
UDyakalatshi waamema uMgwaja uba bazodlala. Badlale umabophana, baqhinane ngendophu.
-
Umabophana, baqhinane ngendophu le qede babale kaliwaka becimele, babe sebeqhaqhana indophu.
-
Waavuma uMgwaja.
7
Kwaqala uMgwaja waqhina uDyakalatshi ngendophu wabala kaliwaka, wamqhaqha.
-
Kwayigem yoMgwaja ukubotshwa. Esowubopha uMgwaja, uDyakalatshi wawutshiya lapho ubala wayophuza amanzi emgodini qede wangena phakathi wagqubha.
-
Wakha amanye amanzi wawathwala wagoduka.
8
UMgwaja waabala wabala wafika kwiwaka wabheka emanzini ezilwani.
-
UDyakalatshi wabe engalozakali.
-
UMgwaja wagxwala kweza izilwani zamkhwitshilila.
9
Zaalinga zonke nezinye izilwani zehluleka ukumgola uDyakalatshi.
-
Ngelikade, kwaavela uFudo lwathi, “Ndiza kugada.”
-
Bawalela ekuqaleni izilwani, kuba uFudo wayengesosilwani sibhadlileyo.
-
UFudo wafika wangena emanzini phakathi walindela uDyakalatshi.
10
Mefika uDyakalatshi wathi, “Ho namhlanje habazisanga mntu!”
-
Uthe neqala ephuza, weva into ethi ngqii empulweni nemdontsela ngaphantsi emanzini!
-
Waaba ngadluthuluza uDyakalatshi wamqinitsha uFudo. “Yizani ndimgolile! Yizani ndimgolile!”
11
Zeva izilwani ilizwi lofudo lumemeza zagijima. Bamdontsa uDyakalatshi bamkhipha emanzini.
-
UFudo wathi kuDyakalatshi, “Wone zonke izilwani, ngoko isigwebo ukuba uhlambe iinyawo zazo zonke izilwani.”
-
Zamfunqula uFudo zimchasulele phezulu zitshongola zisithi uFudo liqhawe lazo.
-
Zaaphuza amanzi azo izilwani zigcoba zingasenaso isithikamezo, namanzi azo ahlala epulutshesekile.
12
Your attribution should include the following:
Title: UFudo iqhawe
Author/s: Ntombifuthi Ncwayiba
Illustrator/s: Khanyisa Masemola
Assurer/s: Nobuntu Mazeka
Language: isiMpondo

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator