UMpovani noNdlovu
Sicelo Hlamandana
Simangaliso Sibiya & Fezile Twala
Ngalanga lithile, izilwanyana zangogana zanomhlangano zifuna ozozilawula phakathi kwazo.
-
Kweza zonke izilwanyana kunye nezinambuzelayo.
-
Into efika yethusa, kukungabikho kweendlovu ekubeni iziziilwanyana ezinkulu kunezinye.
1
Umhlangano waqhubeka nanxasibeni kubonakala zingekho iindlovu.
-
“Sizoqhuba nevoti noba zingekho iindlovu. Sizobeka inkosi namhlanje,” watsho uSikhova.
2
Izilwanyana zavotela ukuba inkosi kuzoba nguMpovani.
-
UMpovani wavumela phezulu nakubeni heyi zezothwala nzima.
-
“Luxanduva olufaka umsebenzi omninzi,” waacinga.
3
Iindaba zoba uMpovani wenyulwe uba abeyinkosi zahamba ngokutshetsha.
-
Zifikile ezindlebeni zenkosana yeendlovu.
-
Yamcunukisa kakhulu inkosana.
4
Inkosana yeendlovu yaya kufuna ukudla ehlathini.
-
Ngokuziqqaja, ngamakhulu amatshamba yayizazi uba inamandla futhi ingenandaba kwanampovani.
-
Enoba heyihamba kumgade wazo na kakade, yona heyidlisela.
5
Ngamandla ezeyinawo , inkosana isiphule isiphunzi kwaphuma iimpovani ezininzi!
-
INkosi uMpovani uchola ithuba angene kuwo umboko.

“Kumele uhloniphe wonke umntu,” watsho uMpovani eyiluma inkosana yeendlovu.
6
Inkosana yeendlovu yagxwala yacela utshwel e ngelithi izokwenza kwasani exelwa nguMpovani mayingayibulali.
-
Indlovu yagoduka itshwencile ingaphathanga kudla, suka zee mekenxe ezinye iindlovu zixakiwe uba kwenzekeni.
-
Yachaza konke okuyehleleyo kunye nezethembiso azenze kuMpovani.
7
Ezinye iindlovu zagcobela ukuthola inkosana yazo iphila.
-
Zangabi sabi nandaba nokulawula kwabo ke nguMpovani.
-
Kanjalo ulawulo lwacholwa zimbovani noba zincane.
8
Your attribution should include the following:
Title: UMpovani noNdlovu
Author/s: Sicelo Hlamandana
Illustrator/s: Simangaliso Sibiya & Fezile Twala
Assurer/s: Nobuntu Mazeka
Language: isiMpondo

© Zenex Foundation - Saide 2024

CC BY includes the following elements:
 BY   – Credit must be given to the creator