Please view the book
in landscape mode.
UDada noHobe
Nwabisa Dumela
Tebogo Boikanyo Matshana
“Tswi! Tswi Tswi!”
-
“Kwa! Kwa! Kwa!”
-
“Da! Da! Da!”
-
UDada nomngani wakhe uHobe babesiya echibini ababeqhele ukugagana kulo, kufitshi nomfula.
1
Kwakulusuku olutshisa kakhulu. UDada wankcwila emanzini. UHobe wayecinga, “Ingathi kumandi ukugqubha.”
-
“Hobe, uyakhanuka ukugqubha?” watsho uDada etshonisa intloko emanzini, aphinde avumbuke, emfila.
-
“Yiza ndikubeleke, ndikufundise ukugqubha.”
2
UHobe shwiii wabaleka wayoma phezu komthi xa kufuneka etshonise intloko emanzini.
-
UHobe wacinga ngokukhiyanxeka, “Ngeke ndikwazi ukugqubha njengoDada.”
-
Wasala yena uDada emanzini.
3
“O yhini Hobe! Undijaliselani? Kutheni unditshiya ndodwa emanzini? Bendithi ngaba uyakukhanuka ukugqubha njengam,” wakhalaza uDada.
-
UHobe waaphendula, “Ndoyika ukutshona.”
-
“Bendicinguba ubufuna ukufunda ukugqubha njengam,” watsho uDada.
4