Please view the book
in landscape mode.
UBongani Mayosi ugqirha wentliziyo
Nozuko Mkizwana
Sibusiso Khumalo
—
—
Eli bali lingogqirha wase Mzantsi Afrika ogama linguBongani Mawethu Mayosi.
-
Wayeyinzululwazi eyenza ufumaniso olubalulekileyo ngesifo sentliziyo.
1
UBongani wazalwa ngo1967 eMthatha eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika.
-
Wafunda esikolweni kwilali iNgqamakhwe.
-
Umama kaBongani wayengumongikazi, utata wakhe wayengugqirha.
2
Ekupheleni kwemini yonke imihla, abazali bakaBongani babedla ngokuthetha ngomsebenzi wabo.
-
Wabanomdla kwiingxaki zempilo, nokunceda abantu.
-
Ngokuva ngomsebenzi wabazali bakhe, uBongani waba nomdla kwiNzululwazi yezeMpilo.
3
Esikolweni uBongani wayezithanda izifunda zakhe zeziBalo nezeNzululwazi yeZempilo.
-
Wayesebenza nzima kwezo zifundo kuba wayefuna ukuba ngugqirha.
-
Emva kokugqiba amabanga akhe aphezulu esikolweni, wafunda kwiDyunivesithi yaKwaZulu-Natal neyase Kapa. Waba ngumfundi ogqwesileyo.
4
Ngenxa yobukrelekrele bakhe, uBongani wachongwa. Wafumana inkxasomali yokuqhubekeka ngemfundo kwiDyunivesithi iOxford eNgilani. Wafunda naseMelika.
-
Wabuyela eMzantsi Afrika wasebenza njengogqirha. Hayi madoda! UMayosi wayengugqirha onobubele nothobekileyo, kananjalo wayebathanda kakhulu abantu.
5
Kuthe kungekudala uBongani watyelela phesheya kwakhona.
-
Wayefuna ukufunda ngakumbi malunga nentliziyo.
-
IKhadiyoloji zizifundo zentliziyo, kwakunye nezifo ezithi zihlasele intliziyo. UBongani wayeyiKhadiyolojist – ugqirha wentliziyo.
6
UGqr. Mayosi wayesebenza nabanye abaphandi baphesheya, kwaye bafumanisa into eyayibaluleke kakhulu.
-
Aba baphandi bafumanisa ukuba kutheni abanye abantu besiba nesifo sentliziyo nje. Oku bakufumanisayo kwakubalulekile koogqirha emhlabeni wonke jikelele.
7
UBongani wabuyela eMzantsi Afrika nolwazi lweengcali kwezonyango. Wasebenza noMphathiswa wezempilo waza wanika neengcebiso ngeengxaki zempilo zelizwe.
-
Iphupha likaBongani yayilelokuba izwekazi iAfrika, malikwazi ukusombulula iingxaki zempilo ngokusebenzisa iNzululwazi.
8
Wayezithembile njengeSazinzulu saseAfrika. Uphando awalufumanisayo lwalulolubalulekileyo kwihlabathi lonke. UMzantsi Afrika wabhiyozela umsebenzi kwanempumelelo yakhe.
-
Ngenxa yokuzinikela nokuphanda nzulu kwezeNzululwazi, wafumana iwonga eliphakamileyo lelizwe, ekuthiwa nguMyalelo weMaphungubwe.
9
UBongani wayenguNjingalwazi kwicandelo leNtliziyo kwiDyunivesithi yaseKapa (UCT).
-
Kwimfundiso zakhe wayesabelana ngolwazi lwakhe kubafundi bakhe.
-
Wayeziqonda iingxaki zabafundi abaninzi. Wabakhuthaza oogqirha abaselula nabanye ababesafundela iNzululwazi kwezeMpilo.
10
UNjingalwazi uMayosi waphinda wonyuselwa njengeNtloko yeNzululwazi yezeMpilo kwiDyunivesithi yaseKapa (eUCT).
-
Wayesoloko exakekile ngomsebenzi wakhe. Wayengutitshala, umphandi kwanenkokeli.
-
UBongani Mayosi ukhunjulwa njengesibonelo ngabantu abaninzi.
11
Inkwenkwana esuka ezilalini nakumaxethuka aseNgqamakhwe, yaba yinkokeli kwiNzululwazi yezeMpilo kwenye yeeDyunivesithi eziphakamileyo eMzantsi Afrika.
-
Waba yincutshe yezeNzululwazi kwezeMpilo kwihlabathi jikelele. UBongani uphumelele izinto ezininzi ebomini ingakumbi imfundo, kodwa wayesoloko ethobekile.
12
Xa sifunda ngezeNzululwazi, singacinga ngoGqr. Mayosi.
-
Singayibhiyozela impumelelo yakhe kwanaleyo yeZazinzulu ezininzi zaseAfrika.
-
Kwaye singabhiyozela nexabiso lolwazi lwaseAfrika.
13
—
—
Imibuzo
Ngubani obalisa eli bali? Lingabani eli bali?
Waqala nini uBongani ukuba nomdla kwezeMpilo nezeNzululwazi, kwaye kwakutheni?
Yintoni ‘ikhadiyoloji’? Yintoni ‘ikhadiyolojisti’?
Ziyintoni “iZazinzulu kwezeMpilo”? Fumanisa ngokubanzi ngomsebenzi owenziwa kwiNzuluwazi yezeMpilo.
14
—
—
Iincwadi ezikolu luhlu
UAndile Mji
UAsnath Mahapa
UBongani Mawethu Mayosi
UCharlotte Maxeke
UMmantsane Moche Diale
UMulalo Doyoyo
UTebello Nyokong
UTshilidzi Marwala
15
—
—
Eli bali liqulunqwe kwaye libhalwe ngesiXhosa, njenge nxalenye yeZenex Ulwazi Lwethu yezixhobo zokufunda yeprojekthi ka 2020.
16
Your attribution should include the following:
Title
: UBongani Mayosi ugqirha wentliziyo
Author/s
: Nozuko Mkizwana
Illustrator/s
: Sibusiso Khumalo
Assurer/s:
Sheila Mandlate, Angelinah Dazela
Language:
isiXhosa
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator