Please view the book
in landscape mode.
UKatana noNonjana ngabangani
Yamkela Mbhele
Busisiwe Ndlovu
UKatana noNonjana ngabangani abakhulu.
-
Bagqiba uba bavakatshele umngani wabo uNkunkhu. Olu hambo heliqhutywa kukuba uNkukhu hezoba nomjadu wokugcobela usuku lwakhe lokuzalwa.
-
UNkukhu hehlala kwilali ekude lee, futhi yayithatha iintsuku ezimbini zohambo.
1
Bobabini hebengabangani abakhulu hebehlukene kakhulu.
-
UNonjana hekuthanda ukulala, ukudla engathembeki.
-
Kanti yena uKatana helungile, enokubele futhi engumngani ongamthemba.
-
Yeyonto eyadalukuba batshube kwelokuba bayolalisa kwaNonjana, khonukuze baxele ngohambo lwabo.
2
Wathi uNonjana, “Mna ndizophatha ukudla kwemini yokuqala.”
-
“Mna ndophatha ukudla kwemini yesibini,” watsho uKatana evuma.
-
Baabhala oko phantsi khonukuze bangaliballi.
3
“Kuzobamandi kusasa masimbona umngani wethu uNkukhu, kaade samtshubela,” watsho uNonjana ekhapha umnganakhe ejika ebuyela endlinakhe.
-
“Ndiyabonga ngokundikhapha mngan’am,” kutsho uKatana.
4
Ekuseni baayiqala indlela.
Endleleni hebejabule, becula amaculo bedantsa.
Baafika emthini bachopha phantsi. “Chake ndilambile,” watsho uKatana kuNonjana.
5
UNonjana waakhipha umxhafuxhafu wokudla.
Wakhipha izikotile ezimbini waqala ukuchaka ukudla loo nyavunyavu ngokutshetsha.
‘’Kukudla kwethu oku?” waabuza uKatana ecunuka ngenyani.
-
Zeyimtshincile into yoba umnganakhe ephule izigqibo. Waaphutsha ke ngoku yilento.
6
“Ulindeni?” waabuza uNonjana eqalisa esidla. “Kutheni wathwala ukudla kwakho wedwa?” waacunuka watsho uKatana.
-
UNonjana waqhubeka wadla. Esadla kanjalo, nangenxa yokuphanga namafutha ayegcwele isandla sakhe, satshibilika isikotile sawa phantsi.
-
Ukudla konke kwachitheka kowo mhlaba bebehleli kuwo.
7
“Kulungile ke mnganam,” watsho uKatana.
-
UKatana waakhipha amakhekhe amahle kweyakhe ingxiwa wadla.
-
Ngoyonkxetsha, uNonjana hebheke ukudla kuka Katana ngamehlo arhalayo.
-
Xa uKatana egqibile ukudla wapakisha. “Singaqhubeka nendlela?”
8
Ukususela ngoko ke beemka bedle imu kolo hambo lonke. Isisu sikaNonjana sasifundekela.
-
Ngobo busuku, uKatana wazichakela ukudla kwakhe walala, egcobile kuba eziphathele ukudla okwaneleyo.
-
UNonjana walala engadlanga.
9
Ngosuku olulandelayo, uKatana wadla intwana yokudla phambi koba bahambe. UNonjana herhala engakwazi nokuzigola emana ebheka ukudla kukaKatana.
-
UKatana wabuye watshona engxiweni yakhe. “Naku ukudla,” watsho uKatana.
-
“Yhoo, undixolele. Ndenze kabi,” watsho uNonjana.
-
“Masidle,” watsho uKatana. Bachopha phantsi aba bangani badla.
10
Besotshuba baaqhubeka nohambo baabuye badlala futhi ngathi aange baxabane.
-
Baafika kwamngani wabo liselihle iwatshi.
-
“Nihambe kanjani bangani bam?” watsho uNkukhu.
-
“Sihambe kahle kakhulu,” baaphendula batsho ngankxetsha bencumelene.
11
Kwaaba ngumgubho omkhulu wokuzalwa.
-
Baacula! Badantsa! Badla!
12
Your attribution should include the following:
Title
: UKatana noNonjana ngabangani
Author/s
: Yamkela Mbhele
Illustrator/s
: Busisiwe Ndlovu
Assurer/s:
Nobuntu Mazeka
Language:
isiMpondo
© Zenex Foundation - Saide 2024
CC BY
includes the following elements:
BY
– Credit must be given to the creator