NguMvundla noFudo (Kwakhona!)
Venkatramana Gowda
Padmanabha

Usalukhumbula ugqatso olukhulu olwaluphakathi koMvundla noFudo? Kwaba lixesha elide izilwanyana zingasathethi ngenye into ngaphandle kolo gqatso lukhulu lwaluphakathi kwaba babini.

1

2

Sonke siyayazi ukuba uMvundla woyiswa kuba wayesonqena kwaye ezithembe kakhulu. Siyayazi futhi ukuba uFudo lwaphumelela kuba wayecotha kodwa ezimisele. Izilwanyana zehlathi ziyakwazi noko kodwa zaqhubekeka zizihlonipha ngokulinganayo zombini ezi zilwanyana. Zombini ezi zilwanyana zasiselugqatsweni zahlala zingabahlobo. UFudo aluzange luzibone lungcono kunoMvundla ngenxa yokuba luphumelele, kwaye noMvundla, esazi ngcono ukuba woyisiwe, akazange amzonde uFudo.

3

4

Kwadlula iinyanga ezininzi. Inkosi yehlathi apho kwakuhlala khona uMvundla noFudo yabanezinto ezibalulekileyo ekwafuneka ukuba izixoxe nenkosi yehlathi elimelene nelo labo. Kodwa le nkosi yooFudo noMvundla yayingakwazi ukulishiya ihlathi ngaloo mzuzu. Yagqiba kwelokuba ithumele uMvundla noFudo kuloo nkosi ingummelwane ukuba babe ngabathunywa bayo.

5

Bathi bakusabela ubizo lwenkosi yabo uMvundla noFudo, inkosi yabo yabayalela isithi: "Kuyakufuneka omnye wenu aye kulenkosi isebumelwaneni." "Ndifuna niyokuxoxa izinto ezithile ezibalulekileyo nale nkosi ingummelwane wethu. Nize nibuye nindixelele ukuba ingaba icinga ntoni le nkosi ngezi zinto ndiniyayelela zona." "Hambani ke ngoku!" yatsho inkosi yabe sele ibaxelela ukuba bachithakale." Kwaye nize nikhumbule ukuba ndininika usuku lube lunye kuphela ukwenza lo msebenzi."

6

7

Indlela eya kubukumnkani basebumelwaneni yayingelula kwaphela. Yayigcwele amatye nameva. Kwakukho nemilambo emibini ekwakufuneka beyiwelile ukuya kufika ebumelwaneni.

8

9

Emva kokucingisisa, uMvundla noFudo bayiqonda bobabini into yokuba abanakho ukuwenza lomsebenzi umntu eyedwa. Kwakunyanzelekile ukuba bahambe kunye. Icebo labo yayikukuba uMvundla abeleke uFudo kwiindawo ezinameva apha endleleni luze uFudo lubeleke uMvundla ukuwela le milambo mibini.

10

Kusuku olulandelayo baqokelela imiyalezo kwinkosi yabo belungiselela ukungena endleleni. UMvundla wenza amatshe kwezo ndlela zinameva lwabe uFudo lutshele emqolo lusoyika nokuwa ngenxa yamendu woMvundla.

11

Bathi xa befika emlanjeni batshintsha izikhundla, uMvundla wabelekela emqolo kuFudo. UFudo lwaluqubha ngokukhawuleza emlanjeni. Ngokukhawuleza bayiwela yomibini le milambo. Akuzange kubathathe ixesha elide ukuya kufika kubukumnkani bobumelwane.

12

13

Emva kokuba bexoxe nzulu nenkosi yasebumelwaneni ngemiyalezo ababeyithunyiwe, uMvundla noFudo babekulungele ukuphindela ngemva babuyele enkosini yabo.

14

Uhambo olubuyayo lwaba lula kakhulu kunolo babeluthathe ukuya ebumelwaneni. Kaloku ngoku bobabini babekwazi ekufanele bakwenze. Babesebenzisana kakuhle kakhulu bade bafika enkosini yabo lingekapheli nexesha ababelisikelwe!

15
You are free to download, copy, translate or adapt this story and use the illustrations as long as you attribute in the following way:
NguMvundla noFudo (Kwakhona!)
Author - Venkatramana Gowda, Divaspathy Hegde
Translation - African Storybook
Illustration - Padmanabha
Language - isiXhosa
Level - Longer paragraphs